Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndicela ukubuza ndiphuphe ndisendlini yommelwane wasekhaya ezilalini owaswelekayo, ingathi sitya inyama nerayisi esityeni esikhulu sibaninzi singabantwana. Abantwana balo mama abasagoduki nezindlu zake ziwile sekushiyeke indlu enye.

Impendulo: Camagu sisi. Amaphupha yenye yendlela eziphambili apho abalele ukuthula bathi banxibelelane nathi ngayo. Oku bakwenza ukuzisa imiyalezo kuthi ekufuneka siyithathele ingqalelo.

Amaxesha amaninzi siye singayinanzi lomiyalelo, ngamanye amaxesha ingekukho nokuba kukudelela kwabaninzi koko ngenxa yamandla okwenza oko kungumyalelo. Xa ke imiyalelo inganakwa kuyakwazi ukusetyenziswa mntu uthile ekucingwa ukuba usondele kusapho olo okanye yena unokuvakala xa eyibeka imeko ize ibenguye ohambisa umyalezo lowo.

Kule meko yakho kuthunywa wena uyokubaxelela abantwana balapho ebumelweneni ukuba mabavuselele ikhaya labo. Wena ke uyakuvuzwa zizihlwele zakho ngokwenza oko. Chosi.

Iphupha: Ndicela uchazelwa eliphupha. Kukho umntu ondiphuphileyo, undiphupha ndikwindawo elihlathi phezu komhlaba obomvu ingathi ndilahlekile ndiyabhekabheka.

Impendulo: Oku kusenokuchaza iizinto eziliqela kodwa ndizakubamba ibenye nedicinga ukuba yiyo ebhekisele kuwe kule meko. Amasiko la wethu asisikhokelo kuthi abuye futhi asinike ukuphila.

Sisisizukulwana sabantu ababephila besenza amasiko sithe ke thina ngemeko yobugqobhoka salahla imveli yethu. Kuthi ke mhla ngenqaba sibuye sifune ukuwenza sele singxamile – ukungxama ke kwethu kube nezinto esizishiya ngasemva kuba sityhalwa yinto.

Iphupha lakho linasikhalo sithile ngendlela oqhuba ngayo iizinto kukho ukungaxoli kwizihlwele zakho kwaye oku kuzakuba nomthelela ombi kuwe. Oku kusenokubangelwa bubuzwilakhe okanye ukungabi nankathalo. Zama ukukhangela ke iziphoso zakho kungekonakali.

Iphupha: Bendinengxaki yemoto ekhathazayo kwathiwa mandoyokwenza umbulelo, ndawenza kwathiwa ngulotata ndakutyileka nasemaphupheni xa ndiye ndayobulela.

Emva koko ndiphuphe imoto ime esixhantini kuncokolwa omnye umfana abuze kum ukuba kutheni imoto ime exhathini?

Ndithi kaloku imoto yahamba kwaye kukho ibhotile ebomvu ingenge phaya. Elesibini ndiphuphe elwandle yangath ndiyabhabha kwakho nto ephuma phaya elwandle yeza kum ebusweni xa ndibheka kufutshane ndabona intyatyambo emhlophe ndayifaka elwandle ndanikela ngayo yatshona.

Impendulo: Imoto le ayinasiduko kwaye futhi ayingomthile. Yiyo lento ndiye ndikhuthaze ukuba phambi kokuba umntu athenge imoto makayicele lonto kumawabo ingakumbi abantu abanamatyala emisebenzi ekufuneka yenziwe.

Naxa usenze umbulelo ayibobuchule ukusilela imoto okanye ukhankanye ukuba ubulela ngayo. Intetho yakho yombulelo mayithi gabalala. Okwesibini hamba ke wena uye kulwandle olo ubulubonile uye kurhuma ngokwephupha lakho ucele nabantu bakowenu abakukhombe apho ukuba bakucacisele ukuba isicwangciso sabo sithini ngawe malunga nalento bazama ukuthyilela yona. Camagu

Iphupha: Ndicela ukubuza ukuba xa usoloko uphupha uleqwa zizinja lithetha ntoni elophupha

Impendulo: Izinja ephupheni ngabantu bakowenu abangasekhoyo iizinyanya. Xa sukuba zikuleqa oku kunokuchaza iizinto eziliqela izinyanya zakho ezingakholwayo zizo apha kuwe.

Umzekelo xa ungumntwana onikwe uxanduva lokujonga ikhaya ze wena ukhethe ukuzula ezitalatweni. Okanye wenze into engumbulo okanye utyeshele amasiko akho uye kwenye inkolo.

Iphupha eli ke livela njengesilumnkiso kulowo uphambukileyo kumyalelo wakowabo.

Iphupha: Ndithonga okungathi ndixelelwa ngomphanga kaTatomkhulu wam kodwa sele wasweleka.

Impendulo: Utamkhulu lowo ufuna ukwenzelwa umsebenzi wakhe, khangela ukuba ngowuophi lomsebenzi ungazange ube kanti uyawenzelwa. Camagu!

Iphupha: Kweliphupha ndikhulelwe kwaye sele kukufutshane ukuba ndibeleke. Ndiye ndakwinimba, yangathi yinto eyenzeka ngokwenene.

Ndiye ndazala umntana, kodwa wathathwa ngumama wam kuba ndinomqolo, ndangamboni emva kwethuba ndaziva ngcono, ndayokulanda umntwan’ am.

Bekungathi ndimva ehleli nomama endlini apho kufuneka ndinyuke ngeziteps. Bendivuya ukuba ndizakubona umntwana kodwa xa ndingena emnyango ndingekamboni ndavele ndaphaphama.

Impendulo: Ukuphupha ukhulelwe ziingxaki zakho onazo ezo ezikwenza utsale nzima. Ngoku lifikile ixesha lokukhululeka kwakho kwezo zinto zimise inqubela ebomini bakho. Chosi.