Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Xa ndilele ndiphupha umlambo omkhulu amatyeli aliqela. Ngoku naxa sele ndibona umlambo kusoloko kusithi qatha lo undivelela ephupheni.

Kweliphupha kusoloko kukho neenyoka ezininzi ezindingqongileyo.

Impendulo: Camagu, xa uphupha amanzi sukube kuyinto ehlangene nemvelaphi kwakunye nonxulumano lwakho nezinyanya zakho. Inkolo yesintu ithi zonke nje indawo ezinamanzi kulapho sizuza khona ukuphila kwaye ngokwesintu sikwakholelwa ekubeni ezondawo zingumthombo wamandla kuthi.

Ngoko ke iphupha lakho lizama ukubonisa ukuba ikhona lento uyiphathisiweyo okanye sikho isipho esithile osinikwa ngabantu bakowenu.

Ukhumbule ukuba siphiwe ngoku phiwa kwaye lonto ayithethi kuthi wonke umntu ophiweyo uzakuba liGqirha. Zama ke ukufumanisa eyakho indlela ukuba ikhukhomba phi na. Chosi!

Iphupha: Ndiphuphe ndingena endlini eMdantsane xa ndifika edining room kungekho fenitsha. Xa ndijonga phandle ngomnyango wase kitshini ndibone iibhedi ezininzi ukujikela ngasemva. Xa ndibuya kusisi endihlala naye apha zenzelwe ukuhlala abantu bangasokoli xa befuna ukuhlala.

Impendulo: Wena kufuneka wenze umsebenzi wokwamkela izinyanya zakho nazo zingene ngaphakathi ekhayeni ukuze zikwazi ukukhusela. Lo msebenzi ngamanye amaxesha ubizwa ngokuba luvulo lwenxiwa kodwa kwehluke ngokweziduko uhlobo owenziwa ngalo. Chosi.

Iphupha: Ndiphuphe utata womtana wam owaswelekayo ethule engathethi ehamba nam. Siya safika ndlini ithile kukh umama onxibe izambatho ezimnyama neqhiya emnyama eqhumisa imphepho.

Apho sifike saguqa ngamadolo utata womtwana wathandaza. Ndithe ndisamangalisiwe ndambona engasekho ephupheni. Ndiye ndaphaphama emva koko.

Impendulo: Umntu ongasekhoyo kubalulekile ukwenza imisebenzi okanye ube nendlela ethile yokumkhumbula. Abantu abangasekhoyo imimoya yabo isaphila phakathi kwethu kwaye basijongile kwinto yonke esiyenzayo.

Zama kengoku uhlanganise abantu bakulomntwana nenze isikhumbuzo egameni lomntwana. Uyise wontwana angaba luncedo ngokuthi enze ngokwesiko lakokwabo xa kwehle imeko enje.

Iphupha: Camagu! Ndiphupha umntu endandithandana naye efika ehamba nabantu abaninzi abadala kugcwele apha eyadini ngababantu esithi uyandizeka, ehamba nomntwana wakhe.

Lo mntwana ebesithi ‘Utata kudala ethetha ngawe phofu nathi siyakufuna pha ekhaya sizokukuqinisekisa uba wamkelekile kwaye notata sifuna ahlale kangcono.’

Xa ndibuza ukuba uphi umkakhe uphendule esithi bohlukene. Ndiye andavuma ndisithi andikholelwa, ebekade ephi yonke le minyaka.

Athi ebesenale nkosikazi. Xa ndimbuza ukuba imkiswe yintoni, khange ayixele, koko usuke walila. Mna ndathi, ‘yho mntwabantu iinyembezi zendoda endala ndizakuzithini’. Wabe esithi akahambi engafumananga mpendulo iyiyo (le afuna yona). Kusenzeka yonke le nto nje ukhona umyeni wam uyayibona le nto kwaye uyamazi.

Ndithe ndisaphethwe ziintloni ndisithi makahambe apha uzakundixabanisa kumtshato wam, akafuna wathi de ndimphendule. Kude kwafika ixesha lolala, ndalala nodade wethu.

Unomdade uthe, “Sisters uyayibona le nto ukuyo, mna bendithi vuma kulo ushiye lo.” Ndathi mna “Yhoo ngeke ndisuka kude nalo myeni, lo undifunayo andimazi ukuba uvela phi. Uphinde wafika unyana esithi, bathi abadala kuvunyelwene mandihambe notata wakhe. Ndothuke kuloo ndawo.

Impendulo: Camagu sisi! Iphupha lakho likhulu kwaye lifuna ukuthatyathelwa iintonga uyokulisabela kabanzi kubantu besintu. Umoya wakhe umfana lowo awuxolanga ngoko ke ukuze ufumane incukacha yiya emntwini. Camagu!

Iphupha: Ndisoloko ndizithonga ndikhala xa ndivuka ndivuka ndinee nyembezi.

Impendulo: Kukho nto intliziyo yakho engaxolanga yiyo. Nangona nje wena ucinga ukuba konke kulungile oku kusenokuba kukukhalele isihlobo okanye umntu owayesondele kuwe owaswelekayo ube wena kanti awukaxoli ncam. Khulula ke intliziyo ukuze kuzolunga kuwe. Chosi!

Iphupha: Ndaphupha ingonyama indileqa but ayindenzi nto xasele ifikile. Itya zonke ezinye izinto ezindileqayo, endingakhange ndizibone.

Ndiyayibaleka nangona ingandilumi, kuba yingonyama, kwaye iyabulala.

Impendulo: Zizihlwele zakho ezo kwaye iphupha lakho libonisa amandla onawo wena nokuba intshaba zakho azizokuphumelela ekulwisaneni nawe.