Iphupha: Umama wam uthi undiphuphe ndiphethe imali eninzi engamaphepha. Uthi ingath kweli phupha lakhe siyiphethe sobabini kodwa yena uphethe encinci kunale yam. Elinye uthi undiphuphe ndiqabe mhlophe ebusweni ngokungath ndiligqirha. Athetha ukuthini la maphupha?
Impendulo: Camagu mnt’ omdala, wena ungumthunywa. Abantu bakowenu bakuchongile ukuba ube ngumntu ozakuba nesandla sokuphilisa abanye abantu.
Kodwa wena uyala ukuthunywa, ngoku bade bathatha isigqibo sokunika esi sipho kunyana wakho. Iphupha elo le mali engamaphepha ngamathamsanqa aza kuwe. Kodwa yonke lento ihamba nokuba uvume ukufa okumhlophe oku ukunikwa ngabantu bakowenu. Camagu!
Iphupha: Camagu mphilisi. Ndinephupha elisoloko lindihlupha rhoqo. Ndisoloko ndiphupha ndisesikolweni. Kodwa andiphumeleli, ndiya felisha rhoqo. Ndicela ukubuza uba lichaza ntoni? Kwelinye ndiphupha umakhulu wam owaswelekayo endinika inyama yenkomo eyosiweyo.
Impendulo: Xa uphupha usesikolweni ube ungaqhubi kakuhle kwiziphumo mhlawumbi kungenxa yesigqibo esithile osithathileyo nongakhange usihlalutye kuqala.
Umzekelo: ukuthatha umfazi zibe iizinto ezingundoqo ekumele uzenze ekhayeni ungekazenzi. Lo nto yenza ukuba kubekho amagingxingxi phakathi kwakho ne qabane lakho.
Lo nto ithetha ukuthi cingisisa esi sigqibo usithathileyo kuba asizukuba naziphumo zihle, asixhaswa zizinyanya zakho.
Ukutya ephupheni kuzii ndindi ezimbini, kukho ukutya ube utyiswa into engahlambulukanga, okanye uphuphe utyiswa into eyimpiliso kuwe, kuxhomekeka ekubeni yenziwa ngubani lonto.
Kule yakho imeko asinto imbi, koko sisikhumbuzo sento ekumele uyenze, kuba okwenzekileyo ephuphe ibikuku shwamiswa kwakho nokuchaza umsebenzi othile ekufuneka uwenzele umakhulu lowo. Chosi!
Iphupha: Ndicela ukubuza ingaba xa uphupha izandla zinee mpethu lithetha ukuthini?
Impendulo: Camagu mnt’ omdala. Ukuba zizandla zakho ezo kuthetha ukuthi kukho nto ithile uyenzielyo ngezandla ezo nengamkelekanga kubantu bakowenu.
Ngelinye ixesha siye senze izinto singaqondi ukuba siyawaqumbisa amanyange kuba siphila nemimoya yawo esijongileyo. Yiyo lento kufuneka sizigcine sinyulu ngamaxesha amaninzi, singazisondezi kwizinto ezifana nemibulo, njalo-njalo. Zama ukuyowusabela lomba.
Iphupha: Ndinengxaki yamaphupha andihleliyo nandenza ndide ndibengathi ndilele noba ndihleli xa ndiwaphupha. Ndiphupha ndisehlathini ndisikha iintyatyambo kufike ixhego elifutshane lindolathise ezona zintle kakhulu iintyatyambo.
Sithi ngokuye singena ehlathini sifike endaweni ekhala amagubu neengoma zamaqirha, nabagqirha afake intsimbi ezimhlophe. Xa ndizijonga ndihamba emoyen futhi ndize ndiqabe igceke umzimba wonke, bathi kum Thokoza gogo.
Impendulo: Camagu mnt’ omdala. La maphupha onke ehlangene achaza ukuba wena ungumntu okhonjiweyo ukuba ube ligqirha kuba kwikhaya lakho kukho imimoya yabantu ababengamagqirha. Ngoku elo bizo lifikelele kuwe.
Hlanganisa abantu bakokwenu niyokufuna uncedo malunga nokumele kwenziwe. Chosi!
Iphupha: Camagu! Ndicela ukucazululelwa lamathongo mathathu. Ndithonga ndikuronta omhle. Xa ndingena kulo ronta ndifike kukho umntu ongutata omnyama, ondiqhumisele ngempepho. Asakugqiba undinike ibhayibhile esithi mandiyifunde.
Ndiyifundile kodwa ndafumanisa ukuba ayibhalwanga ngesiXhosa, yibhayibhile yeSesotho kodwa ke ndiyifundile.
Ndithe xa ndigqiba ukuyifunda wathi kum lotata “Uboqala kum phambi kokuba wenze nantoni na.” Akugqiba wandinika amapetyu amanintsi amhlophe.
Impendulo: Camagu mnt’ omdala. Iphupha lakho licacisa ukuba abantu bakowenu bame phambi kwakho ukuba ungazibandakanyi nenkolo ethile.
Eyona nto bazama ukuyicacisa kukuba phambi kokuzibandakanya nale nkolo yebhayibhile qala ubalungiselele izinto zabo, wenze imisebenzi yekhaya, emva koko uqhubeke neza kwalizwi, ube kanti ubanonophele. Chosi!
.KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo