Inkcazelo yamaphupha

Iphupha: Ndiphupha ndisezilalini ndiwela umlambo ndithe ndisahamba umlambo wagcwala amanzi ndoyika ukuwela. Ndithe ndisaxakene namanzi kwegqi inja encinci yadada yafa. Ndisajonge leyo kwegqi inja enkulu indikhawulela ndothuka ndavuka. Ingaba lithetha ukuthini? Camagu!

Imepndulo: Iphupha lakho lingobizo onalo wena, kwaye liqulathe isilumnkiso. Amexesha amaninzi sinokunyevulela imiyalelo evela ngampaphupha ingakumbi umyalelo oogxila ekubeni umntu lowo makasabele ubizo. Wena ungumtyunywa kwikhaya lakowenu ukuze ube ligqirha elizakuphilisa isizwe. Zama ke ukungqinisisa oku ngokuthi uye emntwini onesiphiwo sokubona ukuze akuxelele omele ukukwenza. Camagu

Iphupha: Mhlonitshwa, ndicela ukubuza ukuphupha utata wakho (stepfather) owakushiyayo, echazela abantu ukuba ukhokho wakho uswelekile. Iphupha elinje lithetha ukuthini. Camagu!

Impendulo: Ewe mntomdala ndivumele ndithi utata lowo uzama ukukuzisela umyalezo. Ukukhuliswa kwisiduko esithile kwenza ukuba abantu beso siduko bakubange okanye bakuthathe njengomnye wabo. Ifana naxa bethe balandulela eli kubo uyakuhlala ungunyana wabo. Iphupha eli lizama ukuchaza ukuba ukhokho lowo kuthethwa ngaye iizinto amke engekazilungisi ngoku ufuna ukuza kuwe ngephupha ukuze wena umncede kwezo zinto okanye ukhokho lowo ucela ukwenzelwa umsebenzi wakhe angazange awufumane. Ukhumbule futhi ngamanye amaxesha ezinye iizinto okanye eminye imsisebenzi yakho ingema ngxi de kubekanti ukhokho lowo ulungiselelwe. Chosi!

Iphupha: Ndikhe ndaphupha izilo ezibini amagongqongqo, ngokuzibona kwam kumabonakude wezendalo. Elinye lala magongqongqo belingwevu, elinye linebala elimdaka. Ndiwaphuphe esilwa emlanjeni, laze elingwevu lohlulwa labaleka lehla ngentlambo. Ndithe ndisajonge lonto elimdaka ndalibona libuya. Lifike ndiphethe umkhonto owenziwe ngentsimbi ndalihlaba apha emlonyeni ikhamisile. Laphela kanjalo iphupha ndingaqinisekanga nokuba lifile na.

Impendulo: Eli phupha mntakwethu lingengxabano okanye impixano ezobakhona phakathi kwekhaya. Le mpixano ibangelwa ngubangiswano phakathi kwezihlwele zakho macala omabini kulotata nakulomama. Oku kusenokuba kukho mntu uthile ekudala ecela into kuwe wena ungamenzeli okanye kuqalwe ngomnye umntu endaweni yakhe. Likwachaza nomcimbi wokutyunjwa kwakho njengentlabi, nento engazongena lula kwabanye abantu ezodala enkulu impixano.

Iphupha: Mna ndicela ukubuza kuthetha ukuthini ukuhlala uphupha umntwana omncinci oyinkwenwe.

Impendulo: Camagu. Oku kuyaxhomekeka ukuba umntwana lowo umphuphileyo ungakanani kwaye ebesenzani. Ingaba lusana okanye imveku esakhulayo na? kodwa ke sona isisombululo sisekubeni ukuba yintoni leyo ibisenziwa ngumntwana ephupheni. Kungenzeka ukuba kuziswa umyalezo kuwe ingakumbi xa wena ungumntu ongenayo indodana ukuba uzakuzala yona kungekudala okanye umntu omaziyo uzakufumana umntwana kodwa njengoko senditshilo apha ngentla ixhomekeke ekubeni ebesenzani umntwan lo ephupheni. Camagu!

Iphupha: Ndicela ukubuza kukuthini ukuphupha umntu ehamba ze.

Impendulo: Ukuhamba ze komntu ukuthyilwa kobunjani bakhe. Oku kungenzeka iindlela ezimbini. Okokuqala lowo umbona eze ufuna uncedo lwakho kuba iingxaki Zakhe zimongamele kwaye zingaphezulu kwamandla ache. Okwesibini – ngumntu ozakuba kanti wena uyalunyukiswa ngaye ukuba umqwalasele kuba egezi ngesihle kuwe. Camagu!

.KHUMBULA ukuba unephupha orhalela ukuba lichazwe, thumela umyalezo ngombane ku: isibhalo@inl.co.za okanye ngeposi ku 45 Devereux Avenue, Vincent, East London, 5247 okanye ngefeksi ku: 043 721 1564. Ungasindwendwela kuFacebook (Ilisolezwe) okanye uTwitter (@ilisolezwe) usishiyele umyalezo. UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook phantsi kwegama uMphilisi – The Healer