Inkcubeko ayimanga ndawonye

Ndihlala ndizibuza ukuba xa kusithiwa into okanye isenzo okanye umkhwa yimveli sukube kuqalelwa ndawoni ukulandwa?

Imbali ithi imveli iqalela ekudalweni kwendalo nguMdali. Ingaba kuqalelwa apho ukulandwa kwemveli? Andithethi ngale yenzulu-lwazi imveli, ethi umntu uqale wayimfene ze leyo mfene yajika yangumntu; endingaziyo ukuba eziya zisesezintabeni iimfene ziya kujika nini zibe ngabantu nazo. Suka!

Imveli ngumkhwa ovele kunye nendalo. Ngokusingise kubantu, sisenzo esidalwe nomntu kwindlela yakhe yokuphila, ngokwahlukileyo kwinkcubeko yona yakhiwa ngumntu ze abuye ayijike akuthanda. Ukuba liyinene elo makube zimbalwa kakhulu izinto eziyimveli kule mihla, ukuba zisekhona. Okona kuqinisekileyo kukuba sihamba nenkcubeko, yona nto siyiguqulayo ngokuhamba kwemihla.

Ndiqabuke kusithiwa ingcwaba lendoda lisecaleni kwendlela, into ethetha ukuba lilapho ifele khona. Oku kwamiseleka kuba abantu babengahlali ndawonye, babelijikeleza bekhangela iindawo nezinto ezilungileyo empilweni yabo. Kule mihla izidumbu zithuthelwa ekhaya; abangcwatyelwe kude bayaphuthunywa ngeendlela ezahlukeneyo eziyilwe ngabantu; abanye bombiwe, kukho nentsha ngoku yokurhuqa ihlahla. Kwekhu!

Lwalukhuzwa usapho akuwa umninimzi (indoda). Ikomkhulu nosapho nokukuhlala bebemisela unyana omkhulu ezinyaweni zomninimzi. Yayisenziwa kube kanye loo nto emzini njengoko emnye nomninimzi.

Abangena ezihlangwini zomninimzi ngabaxhamli-lifa, asingobaninimzi. Kule mihla kwenziwa into ekuthiwa lizila, kuzilelwa namakhwenkwe namantombazana nabafazi. Lenziwa nakangaphi na mzini mnye!

Kwakusezwa intloya namasi kwizici. Ujiki luvele mva ngokufika kobugcisa bokwenza igwele. Umlungu ufike nolwakhe ujiki, eluphethe ngebhotile. Utywala ibibo babantu abadala kuphela. Namhla bukwisabelo sabatshakazi nabafana emicimbini, banxile babethane bazilibale nokuba bangoobani na. Imicimbi yenkcubeko neyenkolo ukuze ibe igqibelele kufuneka ibe nojiki, ingakumbi olomlungu. Kunxilwa nasebhungeni.

Abakhwetha namakrwala ayethungelwa iimfele nemiphotho. Namhla kumiselwe ingubo ethile; eyabakhwetha neyamakrwala. Kumiselwe isuti nesihlangu nomnqwazi emazinxitywe zithwalwe likrwala, nto ezo zisisinxibo saseNgilani sodidi samandulo.

Iibhuma zibekwa ecaleni kwendlela, oku kwendlu kaphoyiyana. Kukhankatha nontsangwini; kuthambise nesela; nenxila liyale ikrwala!

Kwakunxitywa izikhakha kuncetyetwa ngabafazi. Namhla ngamadakhi nezikhafu neekhetshemiya; zingekho kuthiwa umthetho utyeshelwe. Kubhacwa umqhaphu kuhlohlwe intsimbi yasemlungwini kuthiwe sisinxibo sesintu eso. Umtshakazi wayebizwa ngesiduko okanye ngoyise emzini endele kuwo, namhla uthiywa igama nokuba lelomntwana na.

Usana beluthi emva kweentsuku ezisibhozo luzelwe lenzelwe ingubo yokulibeleka (imbeleko). Bekuxhelwa kwimfuyo okanye kuzingelwe, kukhutshwe ufele lusukwe kuphume imbeleko. Namhla imbeleko ithengwa evenkileni. Kuthi emva kweminyaka, kwakuba kucingiwe, nomntwana lowo sele ephumile kwintanga yokubelekwa, kuxhelwe kuthiwe kukhona kwenziwa imbeleko. Kambe ke akusakhutshwa naloo mbeleko, kudliwa nje inyama egameni lembeleko kube kuphela.

Zininzi izinto esinosingisa kuzo eseziguquke kaninzi kwinkcubeko yethu. Akusekho nto isenjengasekuqaleni kwemihla. Nasemvelini akusekho nto iyimveli, nesimo esimiyo asivumi ukuba sibe ngabasabuyela kuyo. Abantu ababanga imveli nenkcubeko kule mihla bawa nganeno ekuzitsaleni neengcambu ezo nto.

Kukho nezinto ekuthiwa yidina nethari ezenziwa ngabantu egameni lenkcubeko nemveli. Kukho nento ekuthiwa ngumbamba-nkomo ebutywala obukhutshwa emva kokuhlinza inkomo yesici. Okusuke kwandixaka ke kuwo umbamba-nkomo lowo kukubona ukhutshwa nokuba kuhlinzwa impahla emfutshane. Inene siseza kuyicel’ ivuthiwe ngamaqhing’ okudl’ ujiki!

Yonke le nkxamleko mna ndiyigweba ngelithi ‘zininzi iindlela zokubanga ukudla esiXhoseni’. Andiboni mveli ndibona imvelela; nenkcubeko iguqukile. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.