Inkedama ibethwe ngumbane yabhubha

Ixhoba lombane uLwazi Blom ohlaselwe ngumbane kwiveki ephelileyo

Ibethwe ngumbane yabhubha inkedama eneshumi elinesibini leminyaka kwilokishi yaseLady Frere kwizandyondyo zemvula ezigqugqise elo Mzantsi Afrika kwiveki ephelileyo. 


ULwazi Blom obengumfundi kwisikolo samabanga aphansti iLafu-lafu, ebesendleleni esinge kwilali iCumakala kwakule dolophu. Uswelekele kwakulo ndawo ahlaselwe kuyo ngumbane.  


UPhumla Rhixana, ongunina walo mntwana, ngokwegunya loonontlalontle uthi, “Ndibuhlungu kakhulu yindlela abhubhe kabuhlungu ngayo.” Uqhube wathi, “Lo mntwana kunye nodade wabo ndabafumana konoontlalontle ndabakhulisa bade bafikelela kwelinqanaba bakulo ngoku.” 

 

UBlom uzakungcwatywa kule mpelaveki, kulandela inkonzo yesikhumbuzo ebibanjwe ngoLwesithathu kwakule veki.

 

Ukanti kusenjalo ngamakhaya akumakhulu alithoba amnkelwe zizindlu kumasipala wesithili saseAlfred Nzo ngenxa yemvula ebikhatshwa yinkanyamba. 


Isithethi somasipala iAlfred Ndzo uNdabuzo Masumpa uthi ngabantu abangaphezu kwekhulu abasele bengenamakhaya emva kokuba amakhaya abo emnke nenkanyamba. 


Usodolophu womasipala waseAlfred Ndzo uSixolile Mehlomakhulu ungene esixekweni kwilali yase Mbobeni enikisa ngoncedo kwintsapho ezifunyenwe yilemeko. Kwiphondo lase KZN ngabantu abathathu abathe babhubha ngenxa yalemeko.