Inkenkqe ayigqunywa ngobuKrestu

Abadlali bomdlalo weqonga Isandi Segubu obuboniswa kwiyunivesithi iFort Hare eMontiumfanekiso: BHEKI RADEBE

Intwaso okanye inkenkqe yinto ongenakuze uyibaleke kwaye ongasoze uyifihle ngenkolo yobuKrestu.

Oku kubonakaliswe kumdlalo weqonga othi “Isandi Segubu” weqela labafundi baseFort Hare iUFH Drama Society. Kulo mdlalo umdlali ophambili yintwazana egama linguNondumiso okhulela phantsi kwabazali abakwinkolo yobuKrestu abangafuni nokuva ngemiba nangenkolo yesiNtu, abe yena uNondumiso ehlutshwa yintwaso, kodwa abazali besithi ungenwe ngamadimoni.

Kulo mdlalo ukhula nzima uNondumiso, uyagula, amaphupha afika ibe ngathi enzeka ngokwenyaniso.

Ithamsanqa analo kukuba udadobawo kwakunye nomalume wakhe bakholelwa esintwini ngoku bayakwazi ukuthetha nabazali bentwazana nangona utata wakhe engafuni nokuva nje.

Umalume kaNondumiso, kulo mdlalo, uthi ungawabhebhetha uwangcatshe amasiko kodwa soze asuke kuwe.

Abazali bentwazana bathandaze iminyaka emihlanu kungekho mtyhi emntwaneni. Kodwa apha ngokuye kuhamba ixesha izinto ziye zatshintsha kubazali bakaNondumiso kodwa uza kuzivela xa uzibukelele isiphelo.

Ongumlawuli nokwangumbhali walo mdlalo uYanga Mabetshe ebalisela I’solezwe malunga nomdlalo: “Sizama ukubuyisa abantu kwinkolo yethu ekubeni babuyele eMbo. Nangona abantu abaninzi bebubaleka ubugqirha kodwa bona soze bubaleke kuwe, nalapho uye ufumaniseke ukuba uninzi luyasokola, abakwazi ukuphumelela ebomini, abakwazi kugqobhozela kuba ulibele ngeMbo esisuka kuyo.

“Sicaphukela nento yamaKrestu acinga ukuba inkolo inye bubuKrestu, kanti ngoku sibonisa ukuba ezi zombini ziyakwazi ukuba zidibane kwaye umntu aphile,” kutsho uMabetshe.

“Lo mdlalo wenziwe ngesiXhosa kwaye nabantu esifuna bawuve lo myalezo ngamaXhosa, sikwatsala nabo balahlekileyo kwimiba yakwaXhosa.”

“Isandi segubu” ungakwazi ukuzibukelela kwinyanga ezayo ufumane ukuba liphele lisithini ibali xa bezakube bedlala okukuqala ngqa kumnyhadala wezobugcisa eRhini oqhuba minyaka le.

UMabetsha uthi abawuvali umlomo ngokwamkelwa kwabo kulo mnyhadala.

“Lithuba lokuba siqalise ukuba ngaphandle ubonwe umsebenzi wethu kuba oko sivaleleke apha ngaphakathi. Lithuba lethu lokuba siphume siye kwezinye iindawo kwaye sikulindele nokufunda xa silungiswa kuba singabafundi abaqalayo, abangayifundelanga le nto,” utshilo uMabetshe.

Abalinganiswa kulo mdlalo nguQhamani Tyatya, Malibongwe Madyo, Somikazi Tshalanga, Zintle Jiva, Lisa Sicwebu, Lufefe Zwelendaba, Iviwe Lokwe kwakunye noThabo Tafeni. Umdlalo wabo uzakube uqhuba eNG Kerk Hall eRhini iintsuku ezintlanu.