Inkitha yabafundi bakhulelwe esikolweni

Ngabafundi abalishumi elinesithathu abakhulelweyo kunyaka ophelileyo u2015 kuphela kwisikolo samabanga aphakamileyo iMatomela Senior Secondary School eNgqushwa.

Ingxelo ithi, omnye kwaba bafundi bebekhulelwe ebeneminyaka elishumi elinesithathu. Oku kudule ngexesha umphathiswa wesebe lentlalontle kuzwelonke uBathabile Dlamini ebetyelele le ngingqi yaseNgqushwa izolo.

“Oko kothusayo kukuva ukuba omnye waba bantwana akakafiki kwinqanaba lokuba athathe izigqibo ngobomi bakhe, le nto ithetha ukuba inkulu ingxaki elapha eNgqushwa. Lo mphathiswa uthi, isebe lakhe sele liqalisile ukubambana ngezandla kunye nesebe lezemfundo, lezempilo, amapolisa oMzantsi Afrika kunye nesebe lezobulungisa ukulwa le ngxaki. “Iinzame zethu zijoliswe ukulwa nale ngxaki kuzwelonke, kuba inabile nakwezinye iindawo,” utsho uDlamini.

Uthi bekunye nesebe lezobulungisa basebenzela ukuba kunyanzeliswe umthetho kwabo balala nabantwana abaminyaka ilishumi elinesithathu.

Othethe egameni leli sebe, uLumka Oliphant uthi, okona kothusaya kukuba abaziwa abantu abenza ezi zisu kwaba bantwana.

“Uninzi lwezi ziganeko zenziwa ngabantu esithi xa sebekhangelwa bangafumaneki ukuba aba bantwana bamithiswa ngoobani, kuba abanye kubo baqhathwa ngabantu abadala kunabo,” utshilo uOliphant.

Le ngxelo ihambisa ithi, iindawo zokuhlala abaphuma kuzo aba bantwana azinabo abantu abangumzekelo abanokufunda kubo indlela eyiyo yokwenza izinto ngoku- kuko.

“Ingxaki iqala phaya ekuhlaleni, kuba abantu bayeka ukubambisana ngeengxaki zokukhulisa umntwana, namakhaya awasenabushushu, abantwana babiwa lula lifuthe elisuka ngaphandle kwentsapho zabo,” ucacise watsho uDlamini.

Inqununu yesi sikolo uVuyile Hobana uthi, kudala iqhubeka le ngxaki kwesi sikolo sakhe. “Kule minyaka ingaphambili besihlala sisilwa nale ngxaki kuba abantwana ngenene bona bayamitha apha esikolweni, kodwa kunyaka ophelileyo u2015 bafike kwishumi elinesithathu,” ucacise watsho uHobana.

Lo kaHobana uthi, zikhona iinzame ezenziwe sisikolo sakhe sikunye namagosa karhulumente ahlukileyo. “I-South African Social Security Agency, Beyond Zero namapolisa, zezinye iinkampani esisebenze nazo ukuzama ukulwa le ngxaki sixhobisa abantwana,” utsho uHobana.

Umphathiswa uDlamini uthi, isebe lakhe lizakubuya lizokuqinisa amaphulo alo okulwa le ngxaki libambisene namanye amasebe.

UDlamini utyelele eNgqushwa namagosa esebe lakhe besiya kulwa ngengxaki yokukhulelwa kwabantwana.