Inkolo kaNtu yeyethu sonke

Ndingathanda ukuphendula kwikhasi elalibhalwe ngumfundisi uThemba Ngada malunga nokuxwaxwa kwakhe nguGqirha Mndende ngenxa yesicelo sakhe sokuba asuse umbhalo osekhayeni lakhe othi “Eli likhaya lesintu ukuba uza ngeBhayibhile ungumngcatshi.”

Kuqala ndingathanda ukuba siqwalasele iimeko ezisenokuba ngunobangela okanye intsusa yombhalo lo.

Kodwa ke phambi kokuba ndiye apho ndingathanda ukuphawula ukuba umgaqo-siseko weli loMzantsi Afrika unika ilungelo kuzo zonke iinkolo ukuba ziqhube ngenkolo yazo ngaphandle koxinizelelo kwaye kwalo mgaqo mnye ukwanika ilungelo emntwini ukuba kwindawo ahlala kuyo okanye eyeyakhe akwazi ukuzolula kungekho siphazamiso kwabanye abangenabango kuloo ndawo.

Umbhalo ke lo uxhonywe kwaMaDlamini kwaGqirha Mndende hayi kwenye indawo, oku ke nangona ndingenokuqinisekisa ncam kusenokubangelwa kwayiyo imeko yonyhukutyho ekwadalwe kwangabo bakhankanyekayo embhalweni lowo.

UMthanjiswa ke uNgada ukungqina ngokupheleleyo oko entethweni yakhe xa esithi “Lo kaMndende makangathi xa exakene nokuchazela abantu ukuba iyintoni le nto yakhe athuke amaKrestu!”

Mandiqale nditsho ukuba le asinto kaGqirha Mndende koko yinto yabantu ebe inyhashwa iminyaka eliqela ngabo banjongo zabo zikukubulala isidima nenkcubeko yakwaNtu, ngoko loo mazwi nje ewodwa asisithuko kubantu abantsundu.

Umntu ke ochubekileyo uyakuyazi lo nto kwaye uyakuyihlonipha inkolo le kuba kakade yona yeyabantu bemveli ekufanele ukuba sonke singabo xa singazange sahluthwa ingqondo ngabantu basemzini.

Lo kaNgada ubuya ayehlule inkolo kaNtu kwinkcubeko, elo nyathelo nalo libonisa ukuswela ukuqonda nokulahlekelwa yimvelaphi yakho njengomntu wesintu ingakumbi ungumXhosa.

Kwa ukudibanisa inkolo le kaNtu neCawe ezo zizinto ezimbini ezingafaniyo kuba andikhumbuli nangemini enye abantu abakwinkolo kaNtu xa bethetha ngonqulo bebhekisela eCaweni, kuba kwisintu ayikho lo nto.

Eyona njongo yamaKoloniyali ukuphelisa “ubuntu” kuthi ibikukuba zesithi noba siyabuzwa ukuba singoobani baphi abaphuma phi sibhadule singazazi ngoba ukuzazi kwethu kuyakuveza inyaniso.

Yiyo ke le nto lo kaNgada athi naxa ethetha ngoGqirha Mndende abhekisele kubantu basemzini amaJuda namaSirayeli, lowo ngumqondiso omkhulu wokuswela ukuqonda.

Ebekumele ukuba siyakukhuthaza singabantu abohlukileyo ngokwenkolo kukuba sihloniphe isigqibo sokuzikhethela kulowo ukuloo nkolo azikhethele yona.

Kufanele kwanjalo sikuhewule ukusetyenziswa kwezixhobo ezithile ukujongela phantsi ezinye iinkolo nokuba oko kuza ngesibhalo okanye intetho.

Ingxaki yezinye iinkolo kukungafuni ukuphila kwimeko apho inkolo zinikwa isidima ngokwaneleyo okanye ngokulingana, kuba abanye bekholelwa ekubeni eyabo iphucukile kunenye.

Xa singahlonipha nje loo ndawo singaya kude kweli lizwe lethu.

Ngoku imeko egqubayo ngokwenkolo ibangela ukuba iinkunzi zifune ukugquba ezibayeni zazo, ukuzama ukukhusela ubunkunzi bazo kungako ndithi ke ukuzama ukulwisana nalo nto makukhuthazwe iqonga lokubonisana ngale miba.

Camagu!