Inkomfa yeANC: Aphelile amaphupha!

IMPELA-VEKI inye yile, aphelile amaphupha!

Ukugaywa kwenkxaso kwenziwe, apho ezi nkokeli beziphakamisa unobangela wokuzigqatsa zingene kwisikhundla sikaMongameli Jacob Zuma, obenguMongameli walo mbutho ukusuka ngo2007.

Ngoku into ilele kubathunywa ukuba bonyule uMongameli omtsha weANC kwinkomfa yalo mbutho yamashumi amahlanu anesine, ezakuqhutyelwa eNasrec eRhawutini ukusuka ngoMgqibelo de kubengoLwesithathu womhla wamashumi amabini.

Noxa nje beliqela abagqatswa, kodwa esitheni sogqatso lobuMongameli umdla uphakathi kukaCyril Ramaphosa noNkosazana Dlamini-Zuma.

Ngokwamaphondo, uRamaphosa unenkxaso eNtshona Koloni, Mntla Koloni, Mpuma Koloni, Rhawutini naseLimpopo logama uDlamini-Zuma enenkxaso KwaZulu-Natal, Freyistata, Mntla Ntshona naseMpumalanga.

Abahlalutyi bezopolitiko nemiba yezoqoqosho, abancokolele I’solezwe kule veki, bathi nguRamaphosa osentendeni yokuphumelela olu gqatso.

Ngokwamanani, uRamaphosa uchongwe ngamasebe akuma-1862 logama uDlamini-Zuma echongwe ngamasebe akuma-1309. UNjingalwazi Somadoda Fikeni weYunivesithi yoMzantsi Afrika (Unisa) uthe: “Umntu onamava okusebenzisana nazo zonke iintlantlo zeANC, namahlakani azo, nguye onethuba lokubumba iANC emva kwale nkomfa. Umntu ovunywayo ngamaKomanisi, iCosatu kwakunye namagqala eANC usethubeni lokuwubumba lo mbutho.

“Kwiingxaki ezijongene neANC ezifana nokoyanyaniswa kweenkokeli zalo mbutho norhwaphilizo, umntu obonakala enesakhono sokuqubisana noku nguCyril [Ramaphosa] kuba ukhe wayinkokeli yabasebenzi futhi uyathembisa ngokuqwalasela iimeko zoqoqosho,” utshilo uFikeni.

UFikeni uveze ukuba kunxantathu weANC kukho abacinga ukuba ukonyulwa kukaDlamini-Zuma “kukongezeleka” kweengxaki zeANC.

Yena uBhasela Yalezo, ohlohla izifundo zophuhliso-qoqosho kwiYunivesithi yaKwaZulu Natal (UKZN), uxelele I’solezwe ukuba, into eyenza umdla ngale nkomfa kukuba uluntu loMzantsi Afrika lunxanelwe ilizwe elizinzileyo ngokwezoqoqosho. “Xa sijonga kwaba bagqatswa, uRamaphosa noDlamini-Zuma, sibona ukuba nguRamaphosa othe qabavu kunoDlamini-Zuma kuba uRamaphosa usithembisa ngesikhokelo esisulungekileyo futhi ukwathembisa ngokukhulisa uqoqosho. Ingxaki ngoDlamini-Zuma kukuba uzoyamanise nenkampu ka[Jacob] Zuma owoyanyaniswa nezinto eziliqela ezigwenxa,” utshilo.

Iphondo leMpuma Koloni lithumela abathunywa abangama-648 kwaye uninzi lwabo luyanduluka namhlanje (Lwesine). USihlalo weANC ephondweni, uOscar Mabuyane, uvakalisile kuFacebook wakhe esithi “Azokuphela amaphupha nomgibe uqhawuke, isinde iANC. [Asibuyi ngamva]. Igwala kulo nina”.

Ebonakala ephefumla ngesigwebo senkundla ephakamileyo yaseRhini, esichithe neendleko isicelo seqela lamalungu eANC angaxolanga yindlela eyaqhutywa ngayo inkomfa yephondo kulo mbutho, uMabuyane uthe: “#Sisengaphezulu, omunye phezu komunye. [Intando yabantu abaninzi yakusoloko itshotsha phambili].”

Kodwa uMvuzo Notyesi, igqwetha ebelimele icala elohlulakele kwinkundla yaseRhini, uvakalisile naye kuFacebook esithi “Esi sigwebo siyintende yesibheno, futhi nezicelo zezithintelo kulindeleke ukuba zimanyelwe kungekudala.”