Inkonde

neenkondekazi

zizigcina

zisempilweni

Iingwevu neengwevukazi zommandla weNelson Mandela Bay zithi azizokuhlala phantsi zigcakamele ilanga zilindele ukufa kwazo okanye zijamelene nabazukulwana iimini nobusuku.

Ezi nkonde zidizele eliphepha-ndaba zisithi zingamalungu ombutho wabadala i-Amazing Elderly Development kwaye ukuzibandakanya kwazo nalo mbutho kubangele utshintsho empilweni yazo.

U-Angelina Mbangi, ominyaka ingamashumi asibhozo-nanye (81), olelinye lamalungu uthe ukutsiba-tsiba besenza imithambo nokubaleka kubangele ukuba asoloko enomdla wokusebenza nokunyathelela phezulu xa ehamba kunexesha langaphambili apho eberhuqa ngenxa yamathambo nokuncwina futhi ngenxa yokuqaqamba komzimba.

“Indlela endidlamke nendikhuthele ngayo ndogqitha nabazukulwana aba bam,” utshilo uMbangi.

ULandezwa Luvuno ongutitshalakazi nokwayinkokeli yalo mbutho uthe wahlanganisa ezi nkonde nezi nkondekazi emva kokuqwalasela imeko ezahlukeneyo ezazihleli phantsi kwazo ezifana nesithukuthezi, ukuxhatshazwa nokunukunezwa ngabahlali zityholwa ngokuthakatha.

“Sifuna ukuba abazali bethu bangathi khunubembe, sibahlekise silulutsha kwaye sibanike imbeko abayifaneleyo.” Uthe amalungu akhe akho kulo lonke eli laseNelson Mandela Bay kwaye azinikele ngokupheleleyo ezifake zatshona zonke iinzipho ezama ukutshintsha ubomi babo.

“Apho siyathunga, senza iintlobo zonke zezinto zokunxiba nezokuhombisa emakhaya. Ingxaki yethu okwangoku yindawo yokusebenzela kuba sisasebenzisa ikhitshi lendlu yam, loo nto ibangela ingxaki xa kufuneka kuphekiwe kuba iba ngu loo duntsu- duntsu sityhilizana nabantwana,” utshilo uLuvuno.

Uhambise wathi abazali abasebekhulile banelishwa lokungazelwa ntweni nangona bebalulekile kuthi lutsha nanjengoko sizalwa ngabo.

Uthe kulo mbutho benza unako-nako wokuba babuyiselwe isidima sabo.