Inkondekazi ena-99 yenza isimbonono

Mazulu Sahluko

INKONDEKAZI eminyaka ingama-99 yakwilali iHlane kwaBhaca ithi seyibone ngokwaneleyo kweli limagada ahlabayo kwaye ilizwe libola usuku nosuku ngenxa yokungaqiqi kwabantu.

UMazulu Sahluko sele eguge kakhulu, iindlebe aziseva kakuhle kodwa wenze isimbonono ngendlela uluntu esele luziphethe ngayo esithi buyabuphela ubuntu ezintliziyweni kungena umoya wobulwanyana kuba abantu abazani noThixo kwaye bafuna izinto ezikhawulezileyo.

Uthe eyona ntlungu yakhe ikulutsha oludlakaza imizimba yalo ze lubhubhe okwempukane. “Kubi ngoku umntu woyika umntu, nolutsha alusenaxabiso esizweni.

Imizimba ikhathele idudwe yinto yonke ephandle apha. Ukutya enikutyayo, iindywala namacuba, ulalano phambi kwexesha konke kuvithiza imizimba, aphinde umntu angazani noThixo. Uzophila ubomi obude kanjani ke?” utshilo uSahluko.

Ukwathe uninzi loluntu sele lukhonza oosopolitiki nezithixo ekukholelwa ukuba zenza imimangaliso ekhawulezileyo.

“Mandulo phaya sasinqula silinde kwenzeke umzekelo imvula sasingayidingi kwaphela, indyikithya yokufa sasingayazi kodwa kuba akusathandazwa kutyibelwa inkokheli zopolitiko isizwe sinje.”

Uthe hleze izinto zingangcono lehle iqondo lokufa xa abantu benokutya ngendlela eyiyo, kuthotyelwe ibhayibhile ulutsha luzingce ngemizimba yalo luthi xha kwisilalo, nakutywala necuba. Kanti nabazali bangabi ngamarhamncwa kwiintsapho zabo.

Nangona engaseva kakuhle namehlo emfiliba uthe wona amadolo namalungu onke omzimba aphile qethe. Koko uhlutshwa sisifo sokuxhuzula esele ephile iminyaka emininzi enaso kodwa uThixo embabale wamgcina iminyaka emininzi.

Zange waba namntwana kwaye oko watya ngokusempilweni ukutya kwesiNtu. Eli xhegwazana sele lihoywe lingumakoti walo uPatricia Bhekizulu nosele emanashumi asibhozo eminyaka, nomtshana wakhe uMazulonke Bhekizulu onama-50 eminyaka.

Bamchaze njengentsikelelo phakathi kosapho nomntu oluthandayo uxolo.