Inkone yirhuluwa ibhatyi yomhlolokazi!

UBulelwa Ndudula otyholwa ngokudubula abulale umyeni wakhe ngo2016 ebevele enkundleni eVincent eMonti

Ibhatyi ebomvu kaBulelwa Ndudula yafunyanwa inkone yirhuluwa ngaphandle nangaphakathi, kwaye iingcali zamapolisa zithi obu bobunye bobungqina bokuba le nkosikazi yiyo eyadubula yabulala umyeni wayo ngo2016.

UBulelwa wabanjwa ngamapolisa emva kokoyanyaniswa netyala lokudubula abulale umyeni wakhe uSakhekile Ndudula kwikhaya labo eCambridge West eMonti kwinyanga yoMsintsi ngo2016.

USakhekile wayeyingqonyela yabasebenzi (Chief of Staff) kwiSebe loPhuhliso loLuntu ephondweni ngethuba edutyulwa.

Ngethuba evela kwiNkundla ePhakamileyo eVincent eMonti kule veki, ingcali kuhlalutyo novavanyo kumapolisa kazwelonke ePitoli uLieutenant General Noneka Gogela, uthi ubuninzi berhuluwa bafumaneka ngaphakathi nangaphandle kwibhatyi kaNdudula.

UGogela uthi ibingenakude ifumaneke nangaphakathi irhuluwa ibe ibinganxitywanga ibhatyi ngethuba lodubulo. Uvavanyo lwenziwa kwimikhono yebhatyi yomibini ngaphandle nangaphakathi kwakunye nakwikhola yebhatyi, utshilo uGogela.

Kodwa igqwetha likaBulelwa likukhabile oku, lisithi umrhanelwa wayengayinxibanga ibhatyi ngomhla wesehlo.

Igqwetha likaBulelwa lithi ukufumaneka kwerhuluwa kwibhatyi yomrhanelwa akuthethi ukuba nguye odubule umfi. Ngethuba kuqhuba ityala ngoMvulo, otyholwayo ebemana ukubhala phantsi kwincwadana yakhe konke okuthethwayo enkundleni.

Ngosuku lwesibini enkundleni, umfoti wamapolisa kwiindawo zexhwayelo uWarrant Officer Mandla Yekani, nowayethabatha imifanekiso kwindawo yesehlo, apho kwakubulawelwa khona uSakhekile, uchazele inkundla ukuba wachola iqhosha lehempe ekukholelwa ukuba yayinxitywe ngumfi, inegazi.

Ihempe eyayinxitywe ngumfi ngethuba ehlaselwa ithiwe thaca enkundleni ngelokufanisa amaqhosha.

UYekani obephica imifanekiso awayithatha ngolu suku wabona amachaphaza egazi elosuliweyo kwigaraji yeli khaya, kwigumbi lokulala lesibini, kumnyango osingisa kwigumbi lokulala lesithathu kwakunye nakwibhokisi ehlala izinto zehombo.

OkaYekani ukwathe wabona umngxuma wembumbulu kwisilingi nakwitapeti. Igqwetha lommangalelwa uMike Maseti uyikhabile eyokusetyenziswa kwehempe kamfi njengenxalenye yobungqina ngelithi zange igcinwe ngokhuseleko.

OkaMaseti ukwathe akukho bungqina buvela kwiingcali zamapolisa bokuba iqhosha elacholwa nguYekani lalinegazi.

Emva kokuxinwa ngemibuzo uYekani uye wakhululwa.

Ityala liqale ngoMvulo, liyaqhuba nanamhlanje kwakhona.