Inkonzo yegazi iyacela

Nanjengoko singenile kwinyanga yephulo apho kuhlonitshwa kwaye kubhiyozelwa usuku luka- Nelson Mandela lokuzalwa iqumrhu elijongene negazi eMzantsi Afrika iSANBS ibongoza kuluntu lweli ukuba lukhumbule olu suku  ngokuthi lunikezele ngegazi.

Olu suku, umhla weshumi elinesibhozo kuJulayi, lukaMandela lusuku apho uluntu kwihlabathi jikelele luthi lucelwe ukuba lwenze umahluko kubantu abangathathi-ntweni.

ISANBS ithi iphantsi konqongophalo lwegazi.