Inkonzo yesikhumbuzo kabaw’ uBen Nomoyi

Kuzakuqhutywa inkonzo yesikhumbuzo yegqala lemidlalo kamabonakude kweli uBen Nomoyi eBhayi ngale mva kwemini yanamhlanje.

Oku kusemva kokuba lo kaNomoyi ethe wabhubha kwiveki ephelileyo emva kwengulo emfutshane eMonti nalapho ebesehlala ekwasebenza khona.

UBra Ben nanjengoko ebesaziwa uzenzele igama ngokuba ngomnye wabantu abambalwa abathetha ulwimi lesiXhosa abathe bavela kumabonakude bedlala kwimidlalo eyahlukileyo.

Eli gqala liphikise iinzima neezingo zorhulumente wobandlululo lakwazi ukuvelisa imidlalo kamabonakude equka uFootprint, Nolitye, Sdudla umphandi kunye no Univited Guest.

Uninzi lemidlalo yakhe lufumene ithuba kumabonakude welizwe loMzantsi Afrika kanye ngaloo maxesha yayishushu ngamandla ingcinezelo.

Unyana kaNomoyi uAndile Sidinile uthi bayazingca ngomsebenzi kayise. “Silahlekelwe ngutata, tatomkhulu umntu ebesisoloko sifunda kuye imihla ngemihla ngenxa yamava akhe ngobomi,” utshilo Sidinile.

Ngeminyaka yo1960 uNomoyi wagxothwa kwiyunivesithi yaseFort Hare ngenxa yentatho nxaxheba yakhe kwimigushuzo yomzabalazo.

Oku kwavula isango elitsha kuye kuba kwabangela ukuba aqalise ukuthatha inxaxheba kwimidlalo yeqonga, ebhala evelisa abadlali bakamabonakude.

Ulwimi lesiXhosa lufumene ithuba lokuba kumabonakude ngenxa yeenzame zikaNomoyi, waza kamva waqhubeka ekhuthaza abantu abatsha ngokubafundisa nokubaqeqesha kwimidlalo kamabonakude.

Igqala lomfoti kamabonakude uNick Zinja uthi ufunde lukhulu ngemifanekiso kamabonakude kweli gqala lakwaNomoyi.

“Ngo 1985 sithunyelwe yiSABC sisuka eRawutini ukuba sizekusebenza naye evelisa umdlalo kamabonakude othi oNomthetho, kulapho safumana ithuba lokuncanca nzulu ngemifanekiso kamabonakude,” utsho uZinja.

Uthi ubuchule bokusebenzisa izibane zokufota ukufunde kuNomoyi esongeza kulwazi ababenalo.

“Xa kusetyenzwa amanye amadoda ebefika enxilile emsebenzini, ebengawagxothi uBen koko ebewaseza ikofu emnyama buphele utywala ukuze kamva sibuyele koomashini bethu sifote kwakhona,” ucacise watsho uZinja.

Uhambisa athi inkulu indima edlalwe leli gqala kwimidlalo kamabonakude ingakumbi ngolwimi lesiXhosa.

Inkonzo yesikhumbuzo yanamhlanje izakuqhutyelwa kwiholo iCentenery eBhayi, kulindeleke ukuba kubekho amaqela entambula azakudlala.

UBen uzakungcwatywa ngoLwesihlanu, inkonzo ikwalindeleke ukuba iqhutyelwe kwiholo yaseCentenery eBhayi.