Inkonzo yesikhumbuzo kaMam’ uTofu

Usapho lembalasane yembali nenkcubeko yamaXhosa uMam’ uWinifred Tofu waseMooiplus eMonti luthi le ngwevukazi ishiye umzila omkhulu kubo kwaneemfundiso ezingenakuze zilibaleke.

UMama uTofu, obhubhe kwiveki ephelileyo ebesele ekufutshane ekubeni afince iminyaka elikhulu nanjengoko ebenamashumi alithoba anesithandathu (96) eminyaka ubudala. Isikhumbuzo senkonzo yakhe sizakubanjwa namhlanje kwiholo yoluntu eMooiplus nalapho azakube eyokubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kuMgqibelo esijonge kuwo umhla wama-23.

UTofu ebengunozakuzaku womasipala wesithili iAmathole kwicandelo lezokhenketho iminyaka eliqela.

Intombi yokuqala kaTofu, uZinzi Tofu (55) uthi bafunde lukhulu kunina kuba enye yezinto abayibonileyo kukuba ebesithanda kwaye esixabisile isiXhosa kwanenkcubeko yakhe.

“Ebengumntu obesoloko ezimisele ukunceda abantu nokuba uphuma kweliphi na ilizwe nanjengoko ebengunozakuzaku ebezamkela ngobubele nangothando ezilibazisa ngembali nangokuhleka. Izinxibo zakwaNtu ebezohlula enganxibi nje,” utshilo uZinzi.

Enye yezinto abantwana bakhe abazidla ngayo kukuba zange walala umama wabo esibhedlele kwaye zange wayitya ipilisi akawazi nomnyango waso ukuba unjani njengoko ingengomntu obehlutshwa yimpilo.

“Ebesazenzela yonke into ngokwakhe ebesadla ngendebe endala ebengazityi izinto ezimnandi ezazingatyiwa ngexesha labo lakudala. Ebeye andihleke naxa ndisitya iipilisi aqhayise ukuba yena engazange wazitya,” kutsho uZinzi.

Ukanti usodolophu womasipala wesithili iAmathole uNomasikizi Konza uthe: “UMama uqale kwiminyaka yoo1990 ukuzibandakanya nophuhliso lwezokhenketho. Ngaphambili wayesebenza eKhayalabantu Cultural Village apho wayekhokhela amanina aseNgxingolo eseMooiplaas apho babeye baye kwiminyhadala bayokubonisa ngezithethe zakwaXhosa kubantu bamanye amaphondo nalapho emva kwethuba bagqiba ekubeni bazivulele elapho ikhaya.”

Ngasemva ushiya abantwana abathandathu, abazukulwana abangamashumi amabini anesibini (22) kwakunye nesizukulwana esingamashumii amabini anesithathu (23).

Inkonzo yakhe yesikhumbuzo izakubanjelwa eMooiplaas eMonti namhlanje.