INkosi Iyakhala Nangona Beziselwe Amathuba eNtabankulu

Abaxhamli bekunye nomphathiswa uHelen Sauls-August, kuNtabankulu Umfanekiso: Mabini Mpuhlu

Abahlali bakuNtabankulu abawuvali umlomo emva kokuba umphathiswa wezeNtlalo eMpuma Koloni, uHelen Sauls-August, ebalize ngethuba lokuphuhlisa izakhono zabo nodalo lwemisebenzi kulutsha lwale ndawo. Lo msitho ubuzinyaswe ngusodolophu wakuNtabankulu, uMnu Vusumzi Mgoduka, inkosi yelali uMhlekaz’ uAbongile Tantsi, uluntu kunye nabaphathi abaphezulu besebe lezeNtlalo.

Eyona njongo yale ntlangano ebibanjelwe ePhungulelweni eNtabankulu izolo, ibikukusungula ngokusesikweni inkqubo yokuphuhlisa izakhono zabantu bale lali neziphaluka.

Umphathiswa Sauls-August, okwangusekela nobhala weANC eMpuma Koloni uthe: “Eli sebe [lam lezeNtlalo] liyaqhubeka ngokuseka iinkqubo eziloluhlobo kodwa sijongana nendawo enye ngonyaka. Kulo nyaka sisaqaphela indima eyadlalwa nguOliver Reginald Tambo owazalelwa kweli phondo. Njengokuba silapha namhlanje sokuqhubekeka siqinisekisa ukuba bafumana lonke uncedo abaludingayo abo batyunjiweyo. Sakuphinda sibuye kweyeSilimela ukuzokubanika ngokusesikweni izindlu – abo bakwilungelo.”

USodolophu Mgoduka yena uthe: “esi sisiqalo sentsebenziswano phakathi kweli sebe kunye nomasipala, le ntsebenziswano izakuthi izise iinkonzo ezidingekayo eluntwini.

“Ukususela ukuqala kwam ukuxhuzula imikhala umasipala walonyusa inani labantu abaxhamla kwiinkonzo ezifana nonikezelo lombane ukusuka kwishumi elinesixhenxe ekhulwini ukuya kumashumi asibhozo ekhulwini. Ngomhla wama-23 kwinyanga yeSilimela xa isebe lezeNtlalo linikezela ngezindlu mna ndiyakube ndinika bonke abanikazi bamakhaya abatsha iimpahla yangaphakathi!” uthembise watsho. 

Xa sibuza, uMgoduka, ngeziganeko zokuthengiswa kwezindlu zesibonelelo kulo masipala uphendule ngelithi: “zikhona esiziphandayo, kuba ngumkhwa oxhaphakileyo lo! Ingakumbi kwiindawo ezithwaxwa yindlala nentlupheko.”

Kwezona zenzo ezithe zakhalinyelwa kabukhali ngokaSauls August ngumkhwa wokungabinawo umonde wokugqiba ixesha abalibekelweyo abatyunjwa, “sinomnqweno wokubona uninzi lwenu luqashwa ziinkampani ezinkulu njengabaphathi, kodwa ngaphezu koko sinomnqweno wokubona abanye bezivulela iinkampani zabo, bavelise imisebenzi kwilizwe jikelele.”

Othethele la mashumi amahlanu abaxhamli, uNojula Ntobeko, uthembise ngokulufeza ugqatso oluphambi kwabo; wadlulisa nombulelo kubasunguli bale nkqubo izakugxoth’ ikati eziko.

Ephalaza imbilini yakhe kwi-I’solezwe, inkokeli yenkampani yabakhi – uPortia Silinda – ukhale wathi: “Ulutsha alunantshiseko nathando lomsebenzi. Yiyo le nto iinkqubo eziloluhlobo zilambatha. Badinga ukukhuthazwa ukuba baqhubeke bekhangela amathuba emfundo nemisebenzi kwiinzame zokuziphuhlisa.”

Wongeze ngelithi eli lithuba lokuba noba bayaphi na bakwazi ukuqesheka njengoko bezakufumana iimpepha ekugqibeni ixesha abalibekelweyo.

Oyintloko kwezonxibelelwano kweli sebe, uLwandile Sicwetsha uveze umba wokuba bonke abaxhamli bazakuthiwa jize ngemadlana yesibonelelo ngethuba iqhuba le nkqubo ide iye ekupheleni. 

INkosi uAbongile Tantsi, ethe yaphuma ingekaqukunjelwa inkqubo, ikhale ngelithi akayazanga nokuba kukho umsitho ololuhlobo kwade kwasezinzulwini zobusuku bangoMvulo kwaye unezikhalazo eziliqela ngakumasipala ojongene neelali eziphantsi kwakhe; kuquka eyakhe engekabinawo nombane.