INkosi, uSibonda nabahlali babanjiwe eCacadu

Abahlali baseCacadu eMalahleni neNkosi yabo uThandisizwe Mhlontlo nosibonda uMtati Somdaka baza kuvela enkundleni ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga ezayo ngesityholo sokungena kumhlaba olungiselelwe uphuhliso lwezindlu ngumasipala.

Ukusukela oko uqalile lo nyaka, iqela labahlali abangaphezu kwekhulu belali yaseCacadu bangene kumhlaba ochazwe ukuba ngokamasipala benyanzelisa ukwakha izindlu zabo kule ndawo.

Ingxelo ithi umasipala uzinqandele ngokufumana isithintelo senkundla kwaba bahlali abakruquke kukudinga umhlaba elizweni labo.

Omnye wabo babanjiweyo kweli tyala uMtati Somdaka okwangusibonda wale ndawo uyacacisa.

“Kubanjwe mna, uNkosi uThandiswe Mhlonto kunye neqela elithile labahlali bale lali yaseCacadu, kutheni kubanjwa thina, yinto yabahlali xa bebonke,” enomsindo utshilo uSomdaka.

Lo kaSomdaka uthi uyakuxhasa ukuthathwa komhlaba ngabahlali belali yakhe.

“Ndiyabangqinela kuba abanandawo zokuhlala aba bantwana, bahlala emakhayeni wabo nabantwana babo, kumele ukuba banikwe umhlaba nakanjani,” ucacise watsho uSomdaka.

Lo mhlaba uzinze kumgama ongaphantsi kwekhilomitha ukusuka kwidolophu yaseCacadu kufuphi nohola wendlela uR410.

“Kona bendibaxelele abahlali ukuba akukho mthethweni ukuthathwa komhlaba kamasipala, kodwa ndiyabaxhasa kwelokuba bayawudinga umhlaba wokuba bazimele,” uthethe watsho uSomdaka.

Oku kuxhwithana phakathi kukamasipala nabahlali kwenzeka kanye ngexesha urhulumente kazwelonke ememelela ingxoxo malunga nomcimbi wokuthathwa komhlaba ngaphandle kwentlawulo kwabo banemihlaba emikhulu.

Ngeminyaka yoo1800, iiNkosi ezifana noNkosi uStokhwe wamaQwathi zazisilwa kulo mhlaba kuliwa ngawo ziwukhusela kubangeneleli ababencediswa ngumthetho iGlen Grey Act.

Umhlali oxhasa eli linge uThandile Mevu uthi abajiki baza kuwuthatha lo mhlaba kamasipala.

“Bafane babamba iinkokheli zethu, siyawuthatha la mhlaba, zizindlu ebezihleli phi ezo kudala sifuna izindlu apha, kudala sisokola iindawo zokuhlala, xa sithatha umhlaba basixelela ukuba baza kwakha izindlu,” uthethe watsho uMevu.

UNkosi uThandisizwe akafumanekanga ukwenza ilizwi kule ngxaki.

Isithethi sikamasipala waseMalahleni uLuthando Nqumkana, uthi ngenene likho ityala lokubanjwa kweqela labahlali ngokungena kumhlaba kamasipala ngokungekho mthethweni.

“Sinikele kwabomthetho ukuba benze umsebenzi wabo, ewe sinaso isithintelo senkundla ngakwabo bathathela umhlaba kamasipala kubo,” uthethe watsho uNqumkana.

Likhula imihla yonke inani labantu boMzantsi Afrika abathi bathathe umhlaba kamasipala befuna ukwakha izindlu okanye bengena kumhlaba onabanikazi babucala.

“Umasipala lo mhlaba uwulungiselele ukwakha izindlu ezinokuthengwa ngabo bamirholo iphakathi, ngelizama ukulwa ingxaki zezindlu ezinqongopheleyo kulo masipala waseMalahleni,” uthethe watsho uNqumkana.

Eli qela libanjiweyo lingaphandle kulindeleke ukuba bazibonakalise phambi komantyi kwinyanga ezayo.