Inkosi yamaDlomo: ‘Ndifuna iDegree’

UNkosi Buyanda Gwazinamba Matanzima uthi ufuna iDegree

Inkosi yamaDlomo kwinqila yaseMcuncuzo kuCofimvaba, uNkosi Buyanda Gwazinamba Matanzima, uthi ufuna isidanga sebakala leDegree, watsho ebongoza urhulumente wephondo ukuba afundise iinkosi njengoko esenza nakooceba kwamasipala.

UMatanzima (44), ebephakathi kweenkosi ezilishumi elinesithoba ebekuvuyiswana nazo eMonti kwiveki ephelileyo, kulandela ukugqiba ngempumelelo isiqinisekiso sonyaka wonke kwiSikhokelo noRhulumento (Leadership and Governance [NQF 5]) kwiYunivesithi iFort Hare.

Emva kwesi siqinisekiso, uMatanzima uthi ufuna ukudlulela phambili ngemfundo.

“Uyabona njengokuba siqalile nje sirhalela ukuqhubela phambili. Mna andifuni kuthweswa sidanga ngokufunda unyaka omnye (one-year course), ndifuna iDegree ukuze ndisithwale ngokuzingca isidanga.

“Njengokuba besifunda eFort Hare nje, akukho nachaphaza lokuba senze umsebenzi ongawuyonelisiyo iyunivesithi. Ngoko ke sifuna ukuqhuba nemfundo,” utshilo uMatanzima.

UMatanzima ubongoze isebe leNtsebenziswano kuRhulumento kwaneMicimbi yeeNkosi ukuba likhuphe imali yokufundisa abantwana begazi, njengoko lisenza kooceba.

“Koomasipala kukho inkqubo emileyo yokufundiswa kooceba. Makhe kwenziwe ubulumko bokuba kubekwe imali bucala emayincedise ekufundisweni kwabantwana beenkosi. Ibuhlungu into yokubona abantwana beenkosi bengakwazi nokubhala iincwadi zezicelo (proposal).”

UMatanzima wenze nombulelo eFort Hare, esithi kuninzi abakufundileyo. “Ukufika kwethu eFort Hare sifikele ekhaya, ibingathi kudala silindiwe. Ndiyayazi abanye abantu baphaya eFort Hare bebephantsi koxinizelelo ngeyona ndlela, besithi baza kuqala ukusebenza neenkosi, kodwa sikwazile ukungabi lukhuni kubo, sakwenza kwalula ukusebenzisana. “Ezinye zezinto esizifundisiweyo, kukusebenzisana. Enye into kukwazi ngcono uMgaqosiseko welizwe loMzantsi Afrika.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za