Inkosikazi ibanjwe nonyana wayo ngezityholo zokushishina ngeziyobisi

INKOSIKAZI nonyana wayo babanjwe ngamapolisa eTinarha ngoLwesihlanu emva kwezi tyholo zokushishina ngeziyobisi.

Isithethi samapolisa aseTinarha uKapteni Gerda Swart uthi le nkosikazi  eneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo (38) kwakunye nonyana wayo oneminyaka engamashumi amabini ananye (21) babanjwe kwikhaya labo eliseWigne Avenue eTinarha.

 

Amapolisa afumene imali, intsangu, isiyobisi sohlobo lwe-tik kwakunye nemandrax ezixabisa imali engange-R4 500. Ababarhanelwa babanjwe ngoko nangoko babekwa ityala lokushishina ngeziyobisi.

 

Inkumanda yamapolisa ale ndawo uBrigadiya Laurence Soekoe uthe: “Ukusetyenziswa kwezi yobisi kungunobangela wezehlo zolwaphulo-mthetho eziliqela kwindawo yethu. Singamapolisa sizimisele ukuwusiphula neengcambu umkhwa wokuthengiswa kwezi yobisi.”

 

Le nkosikazi nonyana wayo bazakuvela kwinkundla kamantyi eTinarha ngoMvulo.