Inkosikazi ibulewe sisithandwa sayo!

Amanye amanina eli loMzantsi Afrika abonakala exhaphazeka kanye ngale nyanga ijongene nawo.

Oku kulandela emva kokuba inkosikazi enamashumi amabini anesine ubudala egama linguAmanda Bono yelali yakuPongoma eXhorha, ithe yadutyulwa yabhubha yindoda encuma nayo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla, uKapteni Jackson Manatha, ithi ixhoba kwakunye nesithandwa salo baqala besedolophini eXhorha ngomhla wesithathu emva koko umrhanelwa woxutha ifowuni yexhoba wagoduka nayo.

UManatha uqhuba athi umrhanela utsalele isihlobo sexhoba esithi ixhoba maliyokulanda ifowuni yalo.

“Ixhoba liyile emva kokufumana umyalezo nalapho lifike ladutyulwa izihlandlo kumzimba ongentla ngumrhanelwa. Ixhoba libhubhe kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.”

Umrhanelwa ulindeleke ukuvela kwinkundla yamatyala eXhorha kule veki.

Abasemagunyeni esipoliseni bakukhalimele ukubulawa kwale nkosikazi.