Inkosikazi igwetywe iminyaka elishumi elinesibini ngokudlwengula inkwenkwe

INKOSIKAZI yaseGqeberha uThembakazi Dyamani (29) ugwetywe iminyaka elishumi elinesibini ejele emva kokufunyanwa yinkundla yesi sixeko enetyala lokudlwengula inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesithathu.

Isithethi seGunya Bantu lezoTshutshiso, uAnelisa Ngcakani, uthi le nkosikazi yadlwengula le nkwenkwe ngenyanga yeSilimela nyakenye.

“UDyamani ulivumile ityala lokudlwengula esithi akaphiki kwizityholo atyatyekwa zona nanjengoko wayeshushu kakhulu ngala mini, [apho kunzima] nokukhumbula okwenzekayo.

“Ngomhla wesine kweyeSilimela 2020, le nkwenkwe nomhlobo wayo olingana nayo ngokweminyaka, babekhaphe uDyamani esiya kwisizalwana sakhe esihlala eGqeberha,” utshilo uNgcakani.

UNgcakani uthi la makhwenkwe achitha ubusuku elele kule ndlu yesizalwana sikaDyamani.

“UDyamani, owayelele phakathi kwala makhwenkwe, waqala ngokudlala ngelungu langasese lale nkwenkwe ngeli xesha ileleyo. Le nkwenkwe yazama ukumtyhiliza kodwa (uDyamani) wafaka ilungu langasese lale nkwenkwe kwelakhe langasese ze wazabela ngesondo.”

Emva kokuba kusile, le nkwenkwe yaxelela umhlobo wayo ngokwenzekileyo ze umhlobo waxelela le nkwenkwe ukuba ibike ebazalini.

UNgcakani uthi uDyamani uthi akazalani nala makhwenkwe.