Kwiveki ephelileyo ingwenya iqwenge yabulala inkosikazi ngethuba ihlamba kumlambo osempuma yeIndonesia kwaye amalungu akhe omzimba afunyenwe kwesi silwanyana esathi kamva saxhelwa.
Iingxelo zithi uHalima Rahakbauw, 54, wayequbha kumlambo kwilali yaseWali kwisiqithi saseMaluku emva kokuchitha intsasa yangoLwesibini ekhangela iimbaza xa le ngwenya ihlasela.
Ummelwane kaRahakbauw, uRustam Ilyas, uthe izalamane nabahlobo baqala ukuba nexhala emva koko bamkhangela xa engazange abuyele ekhaya.
Emva kokubona imbadada nelungu lomzimba kulo mlambo, abahlali bale lali baye babikela amapolisa.
“Kunyanzeleke ukuba abahlali bavule isisu sengwenya ukuze bakhuphe amanye amalungu omzimba wexhoba,” litshilo ipolisa lasekuhlaleni.
Ummelwane uIlyas uthe ingwenya yayinkulu ngokwenene. “Ingwenya yayinkulu kakhulu, imalunga neemitha ezine ubude,” watsho uIlyas.
Amapolisa nabahlali khange bakwazi ukuchaza uhlobo lwengwenya.
Ilizwe laseIndonesia laziwa ngokuba neentlobo ezininzi zeengwenya ezihlala zihlasela zibulale abantu.
Iingxelo zakutshanje zithi indoda eneminyaka engama63 ubudala yabulawa yingwenya kufutshane nomlambo kwisiqithi saseBangka eSumatra.
Kuthiwa ngo2018, iqela labantu kwingingqi esempuma yeIndonesia yasePapua laxhela iingwenya ezimalunga nama300 liziphindezela emva kokuba indoda yalapha kulo mmandla yabulawa yenye yezi ngwenya.
Ngo2019 kwabakho esinye isiganeko apho isazinzulu sarhuqwa yingwenya enkulu eyayivalelwe kwindawo ebiyelweyo yaza yabulawa kwisiqithi saseSulawesi.
Ebutsheni balo nyaka, uMzantsi Afrika ukhe wanezehlo ezilolu hlobo, kwinyanga yoMqungu indoda eneminyaka engama48 ubudala ezibiza ngokuba ngumprofeti wemka namanzi omlambo iLepelle eAtok, eLimpopo kwaye umzimba wayo wafunyanwa ungqongwe ziingwenya.
Kwangaloo nyanga inye, kwabhaqwa umlobi onama51 eminyaka ubudala evaleleke kwiingcongolo zedama emva kokubulawa yingwenya. Ngenyanga yoMdumba inkwenkwana eneminyaka elishumi ubudala yarhuqwa yingwenya ngethuba idada kumlambo iLephalala, eLimpopo.
Ngenyanga yoKwindla, indoda esebenza neengwenya yakwaZulu-Natal yonzakala kakubi emlenzeni yaze yabalekiselwa esibhedlele emva kokuba ihlaselwe yingwenya ngethuba isenza umboniso eCrocodile Creek kuThongathi, eThekwini. Ngethamsanqa le ndoda ayizange ibhubhe.
Iphondo laseLimpopo lihamba phambili xa kuthethwa ngokubulawa kwabantu ziingwenya xa kuthelekiswa nezinye iindawo zoMzantsi Afrika.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns