Inkosikazi enamashumi amane anesine ubudala yaseNgobozana eLusikisiki ikhalazela ukutofwa ezimpundu kwisibhedlele sale dolophu ithiwe ntsho ngamehlo zizigulana ezingamadoda.
Oku kwenzeke kwisibhedlele iSt Elizabeth eLusikisiki.
Ixhoba eli alifunanga kuchazwa ngagama ngelokukhusela isidima salo.
Le nkosikazi ithi yaya eSt Elizabeth emva kokuphathwa ziintlungu.
“Xa sele ndingaphakathi kumagumbi onyango ndothuswa kukuba kuthwe mandijikele kwelinye icala kuba ndizokutofwa, xa ndijikela kukho izigulana ezingootata. Ndibe nombuzo kumongikazi lo uthi mandijikele wokuba ndizotofa ndawoni.
“Umnqa kukuba umongikazi wathi ndiza kutofwa ezimpundu watsho esithi mandinyuse ilokhwe ndiveze iimpundu atofe,” kutsho le nkosikazi.
“Zange ndibe saqhubeka ndibuza kuba into endandiyifuna kukuphila kuphele iintlungu kodwa ngaphakathi ndandingayithandi eyokutofwa phambi kwamadoda. Ndandizibuza ukuba ziphi iindawo ezikhethekileyo zokutofa; ibe nguwe nomongikazi kuphela,” kutsho ixhoba.
Uthi ubunzima kukuba wayenxibe ilokhwe kwabanzima nokuba ahlikihle isitofu esi xa egqiba ukutofa.
Ukanti isithethi seSebe lezeMpilo kweli leMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi oko kwenzekileyo akwamkelekanga kwaye akuvumelekanga kwaphela.
“Izibhedlele zethu zinamagumbi abucala ekubonelwa kuwo izigulana apho ibasisigulane nomongikazi kuphela hayi owesithathu umntu. Oku kuhambelana nokuqinisekisa isidima kwizigulana zethu,” utshilo uKupelo.
Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?