Kunzima ukuhamba kuXoliswa Ngcono oneminyaka engamashumi amahlanu eneminyaka (50) nongumhlali waseNdlovini ePort Alfred.
Oku kulandela ukuluma komlenze wakhe owaqalisa ngonyaka ka-1999 nalapho waye wawonwaya kwaphuma iqhakuva kodwa ngokuhamba kwexesha kwaye kwaphuma nelesibini iqhakuva nalapho adibana khona enza isilonda esikhulu esibuhlungu.
Ukusukela ngoko, akazange waphumla uNgcono, uyagcuma ziintlungu.
“Ndayithatha kancinane ngexesha iqala zange ndiyazi ndiza kubanje,” utshilo uNgcono ngethuba edlana indlebe neliphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa.
Lo kaNgcobo uthi ngokubona ukuba izinto ziya zibambi, waya kwagqirha nalapho wathi wafumana amafutha okuthambisa ekwathiwa aza kumnceda kodwa isilonda sanwenwa.
Akubona ukuba izinto azilungi wabhenela kubanyangi besiNtu, nabo abangzange bamncede nganto. Uwaselile amayeza ababemnika wona kodwa akazange abe ngcono.
Ukwathi xa kuza kuna ubabuhlungu kwaye kufuneke awonwaye nto leyo emenzela iintlungu. Lo mlenze uyamvusa nasebusuku okanye ekuseni kakhulu xa sele ubuhlungu kuba xa ewufake emanzini ubangconywana, uthi imphilisa kabuhlungu into yawo.
Uqhube wathi ngamanye amaxesha uye ulume kufuneke awonwaye kodwa anyamezele ezontlungu zokuba ufuna ukonwaywa kunezo azivayo emva kokuba ewonwayile.
Kwanepilisi zentlungu ezitya uthi azimncedi kuba ubabuhlungu ugqithe apho lomlenze.Uthi akasayazi makenze ntoni ngoku nanjengoko ezenzile zonke iinzame ebecinga zinokumnceda kulengxaki yakhe.
Uthi ubomi bungamnandi nakuye xa enokufumana umntu onolwazi lwalento imphetheyo nozathi akwazi ukumnceda kuba sele ekhathele zezintlungu azivayo,ugqibele ngokuthi lomlemze xa emile uyaqina kakhulu, kodwa xa elala ebhedini intsukwana nje uba yinto ethambe kakhulu, utshilo.
UMzantsi Afrika uza kongamela iG20: Kuthetha ntoni oko?