Inkosikazi izifunele ikhankatha

“Ndilifune ngokwam ikhankatha lonyana wam laza lona landidibanisa nengcibi ezakwalusa unyana, kwaye ndilindele umsebenzi omhle kubo bobabini.”

Oku kuthethwe nguNomonde Martins ongunina kaSiyabulela Martins obesiya eSuthwini namhlanje eAmalinda eMonti.

Lo kaMartins ngumama okhulise unyana wakhe eyedwa wada wazakufika kweli nqanaba lokuba ayekwaluka.

“Ndinexhala kuba le ndawo ayakuyo lo mntwana andiyazi, kuba uyaqala ukuhamba olu hambo luya ehlathini, kwelinye icala ndizakuvuya xa ebuya eSuthwini umntwana wam,” uchaze oko uMartins.

Aqalile amaxhala kumakhosikazi amaninzi eli phondo nanjengoko ezakuba- ethumela oonyana bawo edabini lokwaluka ukuze bamnkele isiko lobudoda.

UNomonde uthi akazazi ukuba makacinge ntoni ngonyana wakhe uSiyabulela Martins osendleleni eya eSuthwini. ”Kufuneka itshintshe indlela ekwenziwa ngayo ngotata bayeke ukusifihlela xa kukho ingxaki emntwaneni, kodwa mabasixelele ukuze nathi njengonozala sikwazi ukunceda apho sinokunceda khona ukuze siphilise umntwana, ”utshilo.

Uhambisa athi ubekho xa esiya esibhedlele unyana wakhe ukuya kufunama isiqinisekiso sokuba ukulungele ukuya eSuthwini.

“Ndifike phaya ikhankatha eli lisaziwa kusithwa ligqala ekukudala lisenza lo msebenzi, lo nto yandivuyisa ndanethemba,”utsho.

Uthi kunzima ukulungiselela ukwalusa umntwana uwedwa ngaphandle kotata wekhaya. “Sithethe sobabini nonyana ngale nto, savana ukuba uzakwaluka ngonyaka ka 2016, oko ke besisebenzisana ngalo msebenzi,” utshilo.

UNomonde Martins, uthi bayalihlonipha isiko ngendlela eliqhuba ngayo, kodwa kufuneka ukuba izinto zenziwe ngendlela ebonakalayo.

“Andifuni ukuba aye esibhedlele umntwana wam kuba ndinethemba lokuba uzakufumana abantu abazakumkhathalela ngendlela, ndifuna amnkeleke ekuhlaleni ukubuya kwakhe eSuthwini,” uthethe watsho.

Oku konke kufika kanye ngexesha eli phondo lisajijika jikana namacebo okulwa ingxaki yokubhubha kwabakhwetha kwiindawo ezahlukileyo zephondo.

Ethetha nengcibi, iinkosi namakhankatha uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uthi mabakhathalelwe oomama abangenabo ogxa babo. “Mabakhathalelwe oomama abalusayo abengenabayeni babo, amadoda mawasondele asabele ukuze akwazi ukuncedisa kwiindawo ezithile bangasebenzi bodwa xa besalusa,” utshilo.

Ukanti udade boSiyabulela uSinovuyo Martins uthi akwaba umnakwabo ebenokufunda okuthile phaya eSuthwini: “Akwaba ebenokufunda ukwahlula into elungileyo nengalunganga, angabuyi esixelela ukuba uyindoda enokutshintsha izinto apha!”

Ngamashumi amane anesibini abantwana ababhubhele eSuthwini kweli leMpuma Koloni kuDisemba wonyaka ophelileyo.