Inkosikazi yaseMonti ekutyholwa ukuba yaceba ukuxhwilwa kwayo ikunye nomntu oyindoda kuba befuna ukohlula imali yentlawulelo, ibanjwe liqela leeHawks elijongene nokuxhwilwa kwabantu elizinze eMonti.
Oku kubanjwa kwenzeke ngoLwesibini wale veki. Ngokwengxelo, eli tyala laqala ngomhla we13 kweyeDwarha ka2024, xa ummangali owayekhathazekile wabika ukuba intombi athandana nayo yaxhwilwa.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uLieutenant Colonel Avele Fumba, ummangali kutyholwa ukuba ufumene imifanekiso eyothusayo equka iividiyo zale nkosikazi ibotshelelwe, ivalwe umlomo ngeteyiphu. Kungekudala emva koko, kwalandela isinyanzeliso sentlawulelo.
“Iingxelo zibonakalisa ukuba ummangali uqhagamshelane nodade wexhoba, nothe waqinisekisa ukuba naye ufumene umyalezo ophazamisayo osuka kwakula nombolo.
“Lo mba uxelwe kwiiHawks ukuze baphande ngokucokisekileyo. Iqela elijongene nemicimbi yokuxhwilwa lakhawuleza laqalisa uphando, olu phando lwabhentsisa into eyothusayo. Kutyholwa ukuba lo mntu kuthiwa lixhoba wayengunobangela woku,” utshilo uFumba.
Uphando olongezelelekileyo ludize ukuba ixhoba lityholwa ngokuceba ukuxhwilwa kwalo kwaye kucaca ukuba lenze iyelenqe nalowo lisebenzisane naye ukuzuza imali yentlawulelo kusapho lwalo, ngeenjongo zokwahlula le mali.
Intloko yeeHawks ephondweni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ukhuphe isilumkiso kwabo bacinga ukwenza oku.
“Ukumosha izixhobo zombuso kulwaphulomthetho oluyinkohliso akusayi kunyanyezelwa. Abo basebenzisa inkqubo gwenxa ngenjongo yokuzuza baza kujongana nengalo yomthetho,” utshilo uMajor General Ngwenya.
Le inkosikazi ibivele kwinkundla kamantyi yaseMonti ngomhla wama29 kweyoMqungu ka2025.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!