Inkosikazi yaseRhawutini ibeleke abantwana abalishumi ngaxeshanye

Libhalwe nguPIET MAHASHA RAMPEDI

Inkosikazi yaseRhawutini ibeleke abantwana abalishumi, ngaxeshanye, yatsho isophula irekhodi lehlabathi leGuiness likaHalima Cissé obeleke abantwana abalithoba eMorocco kwinyanga ephelileyo.

UGosiame Thamara Sithole, 37, ubeleke aba bantwana balishumi (decuplets ngesiNgesi) kwisibhedlele sasePitoli ngokuhlwa kwangoMvulo, utshilo umyeni wakhe uTeboho Tsotetsi.

UGosiame Thamara Sithole nomyeni wakhe uTeboho Tsotetsi UMFANEKISO: Thobile Mathonsi/African News Agency (ANA)

UTsotetsi uthi uSithole, osuka kwilokishi yaseTembisa Ekurhuleni, ubeleke amakhwenkwe asixhenxe namantombazana amathathu emva kokusetyenziswa kwesikere.

“Ebeneenyanga ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe ekhulelwe. Ndichulumancile. Ndineemvakalelo,” utshilo uTsotetsi, ongaphangeliyo.

USithole, okwanamawele aneminyaka emithandathu, uxelele iPretoria News kwinyanga ephelileyo ukuba wayengayikholelwa ekuqaleni kwalo nyaka xa wayexelelwa ngoogqirha ukuba ukhulelwe abantwana abathandathu (sextuplets), phambi kokuba olunye upopolo luveze ukuba unabantwana abasibhozo (octuplets).

Abanye ababini zange babhaqwe ekuqaleni kuba babekumbhobho ongalunganga, ngokokutsho kukaSithole.

USithole, ongumanejala evenkileni, uthi kwakumothusile ukukhulelwa olu hlobo. Uthi kwakunzima ekuqaleni, egula. Ukwathe khange akunyangele ukukhulelwa.

UNjingalwazi Dini Mawela, isekela ntloko kwisikolo sezobugqirha eSefako Makgatho Health Sciences University, uthi imeko kaSithole inqabile kwaye ivame ukubangelwa lunyango lokufuna ukukhulelwa.

Aba bantwana baza kugqiba ezi nyanga zizayo kwizixhobo zokukhulisa abantwana ngenxa yokuba bebekhulelwe “ngomngcipheko ophezulu”, utshilo uMawela.