UKumkanikazi uNtokozo KaMayisela Zulu, oyinkosikazi yokuqala yeKumkani yamaZulu, uMisuzulu kaZwelithini, ufake isithintelo esingxamisekileyo kwinkundla ngelizama ukumisa umtshato womyeni wakhe ozayo.
Esi sicelo siza emva kokuvela kweendaba ezithi iKumkani iza kuzimanya ngeqhina lomtshato nenkosikazi yayo yesithathu uKumkanikazi uNomzamo Myeni ekupheleni kwale nyanga.
Iingxelo zithi, inkosikazi yokuqala ifake esi sicelo namhlanje ngoLwesihlanu. Kutshanje, uKumkani uMisuzulu uye wafaka isicelo sokuqhawula umtshato nenkosikazi yakhe yokuqala kwinkundla ephakamileyo yaseMgungundlovu.
Kwisithintelo sakhe senkundla, uKumkanikazi ukuqinisekisile ukuba iKumkani yamaZulu sele imthumelele amaphepha oqhawulo-mtshato. Uthi lo mcimbi awukaqukunjelwa enkundleni kwaye okwangoku basatshatile ngokomthetho.
“Ndibanga ngokuzithoba ukuba umntu ochaphazelekayo apha akanako ukungenela (a) kumtshato woluntu kunye (b) nakumtshato wesiNtu ngelixa umtshato wethu phantsi komthetho woluntu usaqhubeka,” utshilo kwesi sicelo.
Uthe ngokomthetho, umntu otshate phantsi komthetho woluntu akanako ukungena kwimitshato emibini ngaxeshanye.
Le Kumkanikazi ithe ukuba uKumkani uMisuzulu uqhubeleka nalo mtshato uyakuba uphula umthetho womtshato ngokutshata umntu ngokusemthethweni esatshatile yena ngokusemthethweni, nto leyo eya kuthetha ukuba ungena kumtshato ongekhoyo phantsi komthetho waseMzantsi Afrika.
“Kungumnqweno wam othobekileyo ukuba le nkundla ibekekileyo inqande lo mntu uchaphazelekayo ekwaphuleni umthetho womtshato,” utshilo uKumkanikazi.
Ukwathe ukuba inkundla ayisiniki isithintelo kuya kubakho umonakalo ongenakulungiseka kuba oko kuya kubangela iingxaki kusapho lwakhe.
Useziseleni uGogo Maweni!