Nayiphi na intlekele eyenzekayo, inentsusa yayo! Nayiphi na ingozi eyenzekayo, inembangi yayo! Nayiphi na inkxwaleko, inesiqalelo sayo! Nditsho nkqu nembalela le yembala, inesizathu sayo.
Oonondaba bamajelo onke osasazo bakhala ngembalela egqubayo kwilizwe loMzantsi Afrika jikelele. Onke amaphondo akhangeleka etshazile, omile kwaye athande ukufuna ukuba ngoosinga-ntlango. Kukhenketho lwam lwaminyaka lweMpuma Koloni kwezi holide zoMnga, ndothuke ndadandatheka kakhulu xa ndibona inkangeleko yephondo lakowethu.
Kuninzi lweendawo endityelele kuzo ndifike kome khonkqo! Suka ingca yaphelelwa bubuhlaza, yasuka yamgquba-gqubane, yafuna ukuthatha ibala elimdaka bumthuqwasi.
Yiba nomfanekiso wemeko embi ekuyo impahla emfutshane kule mbalela ifuna ukuqengqa ugodo. Ufika iinkomo zimi bhunxe, zijongene kalusizi, kuba kunzima ukukhetha ezo ndawana zinokutyeka kuloo ngca yomileyo.
Uyakuthi usajonge leyo, uzibone zileqeka kuleyo ifumene isicithi esisenengca eluhluza etyekayo. Zakufika kuyo aziphani thuba lakutya ukuze iyileyo ifumane kuloo ngca ikhoyo, zisuka zigovuzane ngeempondo, zihlabane kuba kaloku ziyalamba!
Kwezi nyanga zeHlobo iphondo leMpuma Koloni liqhayisa ngobuhle balo obukhethekileyo. Ubuhle bokudubula kweentyatyambo ezifana nesadlunge (protea), zitsho ngemibala-bala emihle enomtsalane. Kodwa uthi wakuzijonga ngoku ufike zixwebile, zimbala mnye umdakasholo.
Inyibiba ecaleni kwemifula itsho ngaloo mibala imhlophe namthubi, athi lowo uzibukayo okanye uzikhayo, azive ekweyona paradesi ikumgangatho ophezulu! Uthi wakukhangela kuzo kule mbalela, ufike zintshwenyile, zigqobhoke kanobom kukutshiswa yingqatsini yelanga engenalusini!
Imingcunube phezu kwemilambo namachweba iphelelwe kukuyokozela kwamagqabi aluhlaza, into osuke uyibone kukugqola kwaloo masebe athande ukuba mdaka ngebala, emva koko kulandele ukuwa kwamagqabi, kushiyeke ezo zikhondo zemithi zikhangeleka zixwebile.
Iintaka ziyangqunga azinandawo yakufihla ntloko! Izinambuzane zizincamile ziphela zisitya umhlaba owomileyo. Ezo zinambuzane zililifa lokuxhatshazwa ziintaka kuba kaloku azinandawo yakuzimela, imithi yokuzimela ichizekile, izihlahla zokuzikhusela ziphelile. Andisathethi ke ngombono oxhela umphefumlo wemfuyo! Iinkomo zabantu zibuthisa umhla nezolo!
Andazi ukuba kwezi lali ndingene ndiphuma kuzo zingaphi na inkomo ezibuthise zade zafa, naloo nyama yazo kungabi lula ukuyitya, kuba kaloku kubafuyi ixabiso lenkomo liyaziwa, kumzi ontsundu ixabiso lemfuyo likhulu, impahla emfutshane ithathwa ngokuba yintsika yobomi, intsika yesizwe. Kuthi kwakuba nje iingqondo ziqalise ukusebenza, kucingwe nzulu, ukuze kuvele isizeka-bani nesisombululo. Imibuzo eye inketeze mhla ngembalela, mhla ngesomiso yile: Yintoni intsusa yale mbalela (kuba kaloku inkovu le iphuma ethangeni)? Kuye kuthiweni okanye kwenziwe ntoni xa isizwe sithwaxwa sisomiso okanye yimbalela?
Izazi neengcali ngendalo ziyichaza kakuhle into yokuba ngaphandle kobume bendalo, maxa wambi imbalela nesomiso zinentsusa eyayamene noMdali kwanabantu abadala abalele ukuthula.
Xa ngaba uMdali nookhokho bethu benengqumbo ngokubhekiselele kwindlela esiziphatha ngayo nesiphatha ngayo kakubi indalo, kuye kubekho izehlo ezifana nembalela, indlala, izifo ezigqugqisayo, kuquka nokuzibulala kweminenga ngokuthi izikhuphe elwandle ize kuzirhaxisa ngomoya elunxwemeni. Zonke ezi zehlo zithanda ukuhamba nokungakholiseki kwabaphantsi noMdali ngenxa yendlela abantu abaziphethe ngayo, baphele befumana izohlwayo zokulungisa apho baphosise khona.
Xa ndizikisa ukucinga ndifumanisa ukuba zininzi izinto ezingahambi kakuhle nangomgaqo ofanelekileyo ezimpilweni zethu. Uninzi lwezi zinto zingangunobangela wokohlwaywa neshwangusha. Ndiqinisekile bambalwa kuthi abakhe babona ukuxweba kwengca nezityalo kwiphondo laseMpuma Koloni kanye kwezi nyanga zeHlobo, uMnga noMqungu.
Isomiso esifana nesi singangunozala wembhubho kwimfuyo, ukushokoxeka kwamanzi, kwanendlala egqugqisayo ebantwini. Imbalela iyakwazi ukwenzeka xa abantu bengayikhathalele ncam indalo. Kukho lo mkhwa wenzekayo ezilalini wokude kuhlatywe okanye konzakaliswe neenkomo ezi zembala, ukuze abantu bafumane inyama.
Imithi enegalelo kumoya esiwuphefumlayo, ekongeni amanzi nasekudaleni ukufuma nobushushu obubangela imvula, nayo siyigawula ngokungenalusini nangokugqithisileyo.
Maxa wambi side sigawule nale isecaleni kwemilambo, nto leyo ikhokelela ekutsheni kwaloo milambo kude kuphele naloo ntwana yamanzi besinokuyifumana emilanjeni. Imeko yentlalo embi nayo ingakhokelela ekuvinjweni kwethu amanzi emvula, kutsho kugqube isomiso nanjengoko kusenzeka.
Isizwe esiphatha gadalala oomama nabantwana, sifanelwe yimbalela. Isizwe esambethwe yimitshato egquba ukuxhaphazana, impatho-mbi, ukufeda kwentlonipho nokuqhawuka kwayo ngaphandle kwezizathu ezivakalayo, eso sizwe simele kukuthwaxwa yimbalela.
Isizwe esinootata abalufulathelayo uxanduva lokonga, ukukhathalela, ukuxhasa nokukhulisa iintsana zabo, eso sizwe simele kukuba lilifa lembalela. Isizwe esambethwe ziintetho zocalu-calulo nobuhlanga emva kwemigudu yeenkonde neenkondekazi ezazishumayeza zigunyazisa uxolo nemvisiswano, eso sizwe masitshatyalaliswe yimbalela.
Isizwe esambethwe lurhwaphilizo nokusetyenziswa kwemali ngondlela-mnyama, ngeli lixa abanye abantu behlupheka belala ngamanzi, eso sizwe masinqunqwe yimbalela. Isizwe esingenakuyijonga ngeliso elibanzi into yokufakwa kwekumkani esiseleni esimnyama, zibe zikho nezinye iziphatha-mandla ezikhe zathi gqolo ekophuleni umthetho nokunyhasha amalungelo oluntu, kodwa awazo amatyala abethwa ngoyaba, eso sizwe masintyumpa-ntyumpeke kwisomiso sembalela. Zininzi nezinye izinto ezingamkelekanga kuMveli-ngqangi nakumanyange esizenzayo singabemi boMzantsi Afrika, zinto ezo zinokukhokelela kwisibetho esiyimbalela.
Masilungise ukuhlala ukuze kube lula kuMdali nakwizinyanya ekuthamsanqeleni nasekusikeleleni isizwe sakowethu nelizwe ngokubanzi. Masikhuthaze oomama bomthandazo baxele loo manina amandulo, benyuke iintaba kwezo ndawo sihlala kuzo, baye kuthandazela ukuphela kwembalela.
Ngenxa yokuthandwa kwamanina nguMveli-ngqangi, baya kuthi abo mama besaguqe ngamadolo bethandaza kwezo ntaba, ine imvula, kutsho kuphele isomiso, kubhange indlala nentlupheko, kuvele indyebo nokukhanya.
Ndinga ndiyamva uSipho Gumede kwenye yeengoma zakhe esithi, “Wena Mveli-ngqangi! Wena Somandla! Sikhanyisele! Siziinkedama! Ezingenabani! Nasi isomiso! Sithethelele! Uqede isomiso! Uqede indlala!”
Camagu!
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!