Inkubazeko ayilimisanga iphupha legqwetha

“Umama wam usweleke xa kanye ukukhanya kuqala kum. Ububonile ubunzima bam, esehla esonyuka nam, ngoku besele ndilinde olwa suku lukhulu lokuthweswa kwam isidanga ndihambe naye, kodwa uThixo ubone ukuba amthathele kuye kunyaka ophelileyo. Ukubhubha kwakhe kushiye inxeba elikhulu kakhulu, ndandicinga nam ndakube sele ndimlandele kodwa ndibona ukuba ndisaphila.” La ngamazwi kaSiyaxola Komanisi waseTsholomnqa kwilali iNcerha eMonti, ophila nenkubazeko nobesandula ukuthweswa isidanga yiYunivesithi yaseFort Hare kwinyanga ephelileyo.

UKomanisi (27) wenze imbali kubantwana bakowabo abahlanu, waba ngowokuqala ngqa ukuthwala isidanga ekubeni inguye nephelo kubantwana bakamama wakhe. Ebesenza izifundo zoMthetho kwaNokholeji eDikeni. Uthi ukuze alandele eli candelo lokwenza ezi zifundo kungenxa yentsokolo awajongana nayo esemncinci, aze abe kanti uphela ehamba ngesitulo esinamavili (wheelchair). Uthi yayikukungazi amalungelo oluntu njengoko esithi umama wakhe akafundanga. Uthi uza kulwela abo basuka ezilalini kuba ulwazi lwezinto ezifana namalungelo oluntu abanalwazi lwawo ukufana nabasezidolophini. Uthi mhlawumbi naye ngewayengekho kule meko ukuba umama wakhe wayefundile.

UKomanisi wenze amabanga wakhe aphantsi eMfunalwazi elalini yakhe. Xa ezokungena amabanga akhe aphezulu waya eVukuhambe eMdantsane nesisikolo sabakhubazekileyo. Uthi kulapho waqhawula khona kwesi sikolo kuba waba ngajonga wonke umntwana okwesi sikolo ukhubazekile. Uthi yinto eyamhlukumeza ingqondo, waqonda ukuba akanakuze abheke phambili ngulo mbono, watsho ebuyela eTsholomnqa High apho aphumelele khona uGrade12.

UKomanisi uthi kuko konke okwenzeke ebomini bakhe okusele kumonwabisa kukuba umama wakhe emshiye sele embona ukuba uya empumelelweni ebomini.

“Ngengazange atyikitye iphepha likagqirha lokuba enziwe uqhaqho kwimisipha yakhe. Ndikhule ndikwazi ukuzihambela nangona nje ndandingcotsha xa ndihamba. Ngokuye ndifumana ubunzima, esibhedlele kwafuneka ndisikwe imisipha. Kanti xa ndifika koogqirha baseRhawutini bathi kwakufanele ukuba andisikwanga imisipha yam. Kungoko ndaqonda apho ukuba ukukhulela ezilalini nokungazi ngamalungelo ethu kusichanile nomama wam. Ndifuna ukulwela abo bafana nam bangenalo ulwazi ngamalungelo nangezomthetho. Ndikwafuna ukumelana nabafana nam abaphila nenkubazeko,” utshilo uKomanisi.

Uthi obekumvusa ezingubeni nokuba kuyanetha ngethuba eseFort Hare kukuba uyayazi imfundo sisitshixo sento yonke ebomini. Uthi xa ungafundanga awusoze uye ndawo. Ukwadiza ukuba yena akakwazi kuhamba, xa kuthe gqi amathuba kamasipala okwakha iindlela ebengenokwazi ukuwenza kuba engakwazi ukuhamba kanti ngoku uza kukhululwa sisikolo.

Uthi kwabakhubazekileyo abafana naye xa lowo enethuba makafunde, angadlalisi ngalo. Bangavumeli ukuqhathwa xa kuthwa abangenankubazeko nabanenkubazeko bayalingana, akulinganwa.

Uthi into eyamenza ukuba abe ungulo mntu unentshisakalo ngobom kukuba yena wazamkela. Uthi kukho ixesha apho oogqirha bamxelela ukuba ushiyekelwe yiminyaka embalwa ukuba aphile, kodwa loo minyaka yadlula kudala. UKomanisi uthi uza kube ezivulela eyakhe indawo yamagqwetha logama esalinde urhulumente.