Inkulu ayinamzi

Mandulo phaya, akufa umninimzi iNkosi ibambisene nekhaya nesizwe ibimisela unyana omdala ezinyaweni zikayise.

Bekusenziwa isidlo, kubizwe nezizwe ezikufuphi nezihlobo nezalamane zekhaya, kuqhutywe umsebenzi wokumisela inkulu ezinyaweni zikayise. Oko kwakusenziwa nokuba kusemva konyaka umninimzi efile, kuthiwe kukukhuzwa komzi okanye kukukhutshwa kwawo ehlathini.

Yayisaya kuba yinto ngobunto bayo ke ukukhuzwa komzi. Kwakuba zizincwino kumadoda amakhulu nakwiimazi ezindala, kuchukunyiswa inxeba elidala kucingwa nangenzima angena kuyo lowo uthwaliswa uxanduva lokujongana nekhaya.

Unyana omkhulu lowo wayeyayalwa yiNkosi nalikhaya nasisizwe ngokubanzi. Ayalezwe unina, ukuba amphathe njengoko ebeyakwenza uyise, kodwa yena abe njengoko enzayo unyana oyinqobo kunina.

Akhunjuzwe imisebenzi kayise emihle nekufuneka eyiqhubile ukuze lingacimi igama likayise esizweni. Ayalazwe oodadewabo nabantakwabo abancinci ukuba abaphathe njengoko ebeyakwenza uyise xa ebekho.

Axelelwe ezinkonkqeni ukuba asimzi wakhe lowo koko uyawugciniswa; ngumzi kayise okanye kayisemkhulu ukuba uyise ebeyinkulu.

Ayalezwe ubutyebi bekhaya, akhunjuzwe ukuba yena ungumalusi wabo akamninibo. Aziswe ukuba zonke izinto zalo mzi wakowabo ezifuna indoda ziya kusingiswa kuye ukususela ngelo xesha, ezimbi nezintle.

Afundiswe ngokubaluleka kokugcinwa kwekhaya ngokubanzi – oyisekazi noodadeboyise. Ayalezwe ukuba angalilibali ikomkhulu, agqwese ukubaxabisa abamelwana. Bekubanjalo ke nasekuyalezeni unyana lowo kwikhaya ukuba limthobele, lisebenzisane naye kuyo yonke into, kuncediswana nesizwe.

Isizathu sokuba ibe ngunyana omkhulu othwaliswa olu xanduva kukuba nguye onamava ngaphezu kwabantakwabo azalwa nabo. Wazi izinto ezingaziwayo ngabantakwabo kwaye umzi lowo uwazi ngaphezu kwabo.

Ngenxa yeso sizathu ke yena uyalivinjwa ithuba lokuzakhela owakhe umzi, kuthiwe makahlale ekhaya ukuze ikhaya lingapheli. Bonke ke abantu bekhaya iba ngabantwana bakhe, abesakhe isinqe bayifundiswe loo nto ukuze bangasunduzani nabanye aba abanikwe yimveli.

Kule mihla ke yemka yayakuwa apho ndingaziyo yonke leyo nto, okwesihlangu sisimka nenjana umniniso esasixabisile.

Abantu kule mihla benza kwaye bakhuthazwa ukuba benze izifungo ezisemthethweni besaphila, bazabe phakathi kwabantwana babo izinto zabo. KUKUCHITHWA KOMZI KE OKO. Kuthiwa umntu makawuchithe esaphila umzi wakhe, ukuze akungabikho kube kuphelile ke ngento ethi yena.

Asinkqubo yethu Bantu ke le. Kuthi umntu ngumntu ngemisebenzi yakhe, ethi nokuba umniniyo sel’ enabel’ uqaqaqa ishiyeke ililifa lesizwe.

Umzi thina siyawakha asiwuchithi. Kukuchitha umzi ukuchitha-chitha impahla yawo, le nto kuthiwa lulwabiwo lwelifa.

Abantwana bezityebi bahlala beguqe ngedolo ukuva ukuba yintoni enikwe bani kumyolelo wabazali.

Njengokuba kusithiwa uyimfihlo nje bona bawulangazelela okwezulu.

Apho bawubhaqe khona bayaxhwithana bagwintane, bagwinte nabo bazali nakakade kuba elowo exhalele esakhe isabelo kwimpahla yabazali. Ngumkhuba ke into injalo.

Umntu simfundisa ukuba azenzele olwakhe udumo nelakhe ikamva, hayi ukuba ajonge kwezikayise izinto. Nokuba uthi abe yinkulu, silindele ukuba enze owakhe umda akungena ezinyaweni zikayise, hayi ukuba abe sisifede sithombile.

Eyona ndoda ke ebantwaneni bomntu nethi ibonakale lula ukuba yindoda, yinci.

Inci ihla izimisele kwabesaphila abazali, yenze imisebenzi yobudoda, izakhele.

Inkulu ke yona nokuba sele ikhuthele kwaye inentsebenzo kangakanani na, iyalivinjwa ithuba lokuzibonakalisa.

Ihlala ngekhaya, ibe sisigculelo sokumana ikhunjuzwa ngabantakwayo abagezayo ukuba kukokwabo apho, nokuba sele bebhoxa na.

Inkulu ayinamzi!

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.