‘INkulubaphathiswa ayiyivanga ukuba iwile imaskhi yayo’ utsho urhulumente waseMpumalanga

SISANKXWE phezu kwesankxwe, abantu bengayikholelwa ingcaciso karhulumente waseMpumalanga, eyokuba imaskhi yeNkulubaphathiswa yela phondo, uRefilwe Mtsweni-Tsipane, iwile kodwa wabe engayivanga ukuba iwile.

UMtsweni-Tsipane ufunyenwe ukugxekwa luluntu ngenxa yemifanekiso emveze ebanjelwe isambuleyini enganxibanga maskhi kumngcwabo kaMphathiswa uJackson Mthembu eMalahleni eMpumalanga ngeCawe. Komnye umfanekiso, le Nkulubaphathiswa ibonakala isanga omnye umntu, kwakhona inganxibanga imaskhi.

UMphathiswa wamaPolisa, uBheki Cele, uyalele uMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Khehla Sitole, ukuba aphande uMtsweni-Tsipane. “Ukuba uMzantsi Afrika ufuna ukuyoyisa le ntsholongwane yeCovid-19, asikwazi ukuyekelela umxakatho,” kutsho uCele.

INkulubaphathiswa yaseMpumalanga, uRefilwe Mtsweni-Tsipane, enganxibanga imaskhi kodwa usesidlangalaleni IMIFANEKISO: FACEBOOK

Kwimbalelwano, urhulumente waseMpumalanga uthe: “Ekufikeni kwakhe emangcwabeni, emva kokuba ehle emotweni yakhe, imaskhi yeNkulubaphathiswa iye yamoshakala kwaye akakhange ayive ngethuba isiwa. INkulubaphathiswa ibicinga ukuba imaskhi yayo ihleli kwindawo yayo (ukogquma impumlo nomlomo) lonke eli thuba.”

UMtsweni-Tsipane uxolisile kubantu baseMpumalanga naselizweni ngesi sehlo “sesaquphe”.

UMongameli Cyril Ramaphosa uhlala esithi lityala ukunganxibi imaskhi xa usesidlangalaleni, ekwathi ukungenzi njalo kungabangela ubani ukuba abanjwe ze atshutshiswe. Xa ethe wagwetywa umntu ngenxa yokunganxibi imaskhi esidlangalaleni, angadliwa imali okanye avalelwe isithuba esingadlulanga kwiinyanga ezintandathu okanye zombini (umdliwo nokuvalelwa).