‘Inkululeko ayikafiki’ – Dikgang Moseneke

“Inkululeko ayikafiki eMzantsi Afrika nangona zikho izinto ezenzekileyo ezilungileyo, nditsho kuba asikho kwindawo ebesikuyo ngo-1994” Oku kuthethwe yijaji edla umhlala phantsi uJustice uDikgang Moseneke ngethuba emisela ngokusesikweni incwadi yakhe ethi My Own Liberator eSteve Biko Centre, eGinsberg.

Le ncwadi ibhalwe kwanguye, inabisa ngamahlandinyuka obomi bakhe njengetshantliziyo elalisilwela inkululeko phambi kokuba atyunjwe njengejaji. Ingabula zigcawu ngale ncwadi ibhalwe ngowayesakuba ngumongameli kweli uThabo Mbeki. Umchaza uMoseneke ngelithi, “Ngomnye wamajoni adlale indima ebaluleke kakhulu kumzabalazo wenkululeko, nothe kamva waphinda wadlala indima enkulu ngethuba lokumiselwa komgaqosiseko woMzantsi Afrika omtsha,” utsho uMbeki.

Kwiholo ibizele imi ngembambo uMoseneke akakhange ayifihle indlela aziva ngayo ngokwenzeka kweli lizwe. “Inkokeli eyiyo yinkokeli enendlela yokuziphatha emamelayo xa kuthethwa ngabantu. Ukuze ziguquke izinto kwelilizwe sidinga ukuba sibenezicwangciso eziqinileyo ukuze kwenziwe ezo nguqu,” uthethe watsho.

Ebuzwa ngomcimbi wokungatyunjwa kwakhe njengentloko yeejaji zoMzantsi Afrika ngumongameli Jacob Zuma, uthe:

“Umongameli ebenethuba lokuba ebenokundityumbela kwesisikhundla izihlandlo ezintathu kodwa ayizange yenzeke lo nto, iyonke ke ayindenzanganto kuba ngexesha bendihleli esiqithini iRobben Island ndaqeqeshwa ndilungiselelwa imeko ezinje. Yaba yinto engenamsebenzi kum ukungatyunjwa,” ucacise watsho uMoseneke.

Uqhube wathi ukukhula kwamanani wabantu abalambayo, ukunyuka kwemali yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo kwanamanani aphezulu entswelo ngqesho kubantu abatsha zezinye kwimpawu ezibonisa ukuba ikhona ingxaki eMzantsi Afrika.

“Ndithathe ixesha elininzi kule ncwadi ndincoma umsebenzi omhle owenziwe zitishala zam eKilnerton, ndikwathethe ngamandla ngentatho-nxaxheba yam kumbutho wePAC namava, nemfundo yam eRobben Island,” utshilo uMoseneke.

Injingalwazi edla umhlala phantsi uTshobisa Mtuze uncome umzila omhle owenziwe nguMoseneke ngexesha lomzabalazo nasemva komzabalazo.

“Yhooo! Ndingathetha ntoni ngomntu omkhulu onje, khumbula kaloku ukuba mna ndikhulele kweli cala likekelele ngakwezemfundo yena esemzabalazweni. Waphuma apho wasebenza ngezomthetho, kodwa ndingatsho ndithi intle kwaye icacile indima yakhe yokumisa nokuxhasa uMzantsi Afrika,” utshilo uMtuze.

Le ncwadi imiselwe okokuqala eAttridgevile ePitoli kwaye kusalindeleke ukuba le jaji ijikeleze iyazisa eluntwini loMzantsi Afrika.