Inkululeko ithetha ntoni apha kuwe?

Kule nto yoba ke iyinyanga yenkululeko, kulusizi ukubon’uba sekusenziwa njeee, emva komsebenzi ongaka owenziwa ngamaqhawe ethu alandulelayo eli.

Endaweni yoba sithathe apho bayeke khona, sidiliza kwale ibiseyenziwe. Umsebenzi awupheli bethuna, ewe indlela yokwenza ingohluka, kodwa wona umsebenzi wokuphucula ubomi babantu awupheli.

Ndikhe ndizibuze uba sizode sidlule nini ekohlukaneni nokubalisa izinto ezenziwa zagqitywa, kuzobaliswa ntoni ngathi, ngesisizukulwana sethu? Mandicacise, andithi akubalulekanga apho sisuka khona. Umntu ongazaziyo uba usuka phi uyingxaki, akazazi nalapho aya khona, ngako oko imvelaphi ibalulekile

Imicelimngeni ayisafani, umbuzo uthi senzazni ngalo nto? Abona bantu basicinezela kakhulu ngaba bangazaziyo uba baphilela ntoni. Umntu nomntu unendima yakhe ekumele ayidlale, la nto inye ikwenza wohluke kwabanye abantu. Uba ufunda eli phepha namhlanje kwaye awuzazi uba uphilela ntoni, ungomnye wabantu abasicinezeleyo.

Mna ndiyazazi uba ndiphilela ukudlulisa umyalezo ebantwini, noba ndiyathetha okanye ndiyabhala na, okubalulekileyo kukuba kufuneka ndikhuphe le isentliziyweni yam iye ebantwini, ixhomekeke ebantwini ke into abayenzayo emva kokuba ndithethe intliziyo yam. Ngenxa yeso sizathu soba ndisenza le ndayidalelwayo, lo nto indenza ndikhululeke. Noba zikhona nje ezinye izinto ezinqwenelwa yintliziyo yam, lo nto ayindenzi ndingakhululeki ngoba eyona nto ibalulekileyo kum kukuzazi, usakugqiba wenze le nto bekumele uyayenza.

UMdali uyayazi uba mna soze ndiphile xa ilizwi lam linokungasebenzi, sele litshile umyalezo ndizowubhala wona uphume kum, okubalulekileyo kukuba umyalezo uhambe. Komnye umntu ingakhangeleka iyinto encinci into yokuthetha, kum mna mntu uyaziyo uba ukuthetha kukuphila, yinto enkulu. Kukho abantu abaphilela ukucula, umculo wabo namazwi abo abanento ayenzayo kum mna mntu ungeyomvumi. Ndikhe ndabuza oogxa bam lo mbuzo woba ingaba bakhululekile na. Khange baphendule ngqo, ndabe ndiyilindele ke leyo. Inye into abantu abatsibela kuyo kuqala ngenkululeko, yinto enemali phakathi. Ingaba abantu abanemali bakhululekile na?

Khona, yimalini umntu ekumele abenayo ukuze abekanti unemali? Ixhala lam kukuba sibambezele umsebenzi ngenxa yezinto ezingenakwenza mehluko naxa sele zikhona. Ndafunda nokuba naba bantu sibabona njengabantu abanemali, zange balale bavuke benayo. Umntu othi ufuna imali ukuze enze le nto bekumele uyayenza, ingaba wenza ntoni ngalo nto? Wenza imali?

Umbuzo kule nyanga yenkululeko, kulo nyaka ka 2016 uthi; ingaba ukhululekile na? Ingaba uphila obu bomi ubudalelwe ubuphila? Ingaba uyazazi na indima yakho omele ukuyidlala, uyayidlala na? Uba impendulo yakho nguEWE, siyavuyisana nawe, bambalwa abafana nawe. Ukanti uba impendulo yakho nguHAYI, ingxaki indawoni? Masithethe, sifuna ukwazi nathi sizonceda apho kufanele sincede khona ngoba, ikhona ito engenzekiyo ebekumele yenziwa nguwe. Ikhona nento eyenzekayo ebekumele ayenzeki, ebekumele ayenziwa nguwe qha ingxaki kukuba kwawena awuzazi. Kwaye lo nto ayizukhulula wena, izokhulula isizwe siphela.

Ubomi bakho abukho ngawe, umntu akaphileli yena. Mhlawumbi singade siphumelele nje sibanjwe kukungazazi kwakho. Umntu nomntu unendima yakhe. Asiphileli kufa ngenye imini. Siphilela ukwenza, sakugqiba ukwenza singafa ke ngoku.

Le nto futhi ayinantanga ithile namfundo ithile, inentokwenza nentlizyo yakho, nokuvuma kwakho khon’ukuze uzothi mhla ulala ukulala kwanaphakade, ulale phezu kwemisebenzi yakho… masikhulisane, sixhobisane, sakhane. Ngeenkcukacha:

Katomnoku@gmail.com, 079 284 1757