Inkundla ithi inkunzi inye esibayeni nguZwelibanzi

UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo noAzenathi Dalindyebo UMFANEKISO: Elugcinweni
INKUNDLA ePhakamileyo yaseMthatha isichithile isiphakamiso sikaNkosana Azenathi Dalindyebo obefuna ukubuyela ekubambeleni kwisihlalo sobuKumkani babaThembu nangona nje iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane yamnika aphum’ aphele. 
Kwiveki ephelileyo uAzenathi ebejijisana enkundleni noyise uKumkani Buyelekhaya Dalindyebo, efuna ukubuyela esikhundleni. 
Kodwa isiphakamiso sakhe sithe saphikiswa ngokuyimpumelelo ngamagqwetha kaKumkan’ uBuyelekhaya kwanawakarhulumente waseMpuma Koloni.
Namhlanje iJaji uMartha Mbhele usichithe neendleko isiphakamiso sikaAzenathi, into ethetha ukuba uKumkan’ uBuyelekhaya uyahlala kwisikhundla sakhe. 
Kwinyanga ephelileyo uMabuyane wabhalela uAzenathi esithi ixesha lakhe lokubambela kubukumkani bakwaDalindyebo eBumbane liphele ngomhla wesibhozo kweyoMdumba.
INkulubaphathiswa yathi uAzenathi ugqibelise ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga ukufumana umvuzo njengeBambela Kumkani, ekwathi makabuyise imoto, amakhadi, elamafutha emoto kwanefowuni yombuso. 
UMabuyane usamkele isigwebo senkundla, esithi uyakuhlonipha okukhutshwe yinkundla.