Inkundla: UMani wayitya ngabom imali kaNSFAS

Kudale ukubethabethana kwezimvo kwikhasi lonxibelelwano leli phephandaba ukufunyanwa komfundi weyunivesithi iWalter Sisulu, uSibongile Mani, enetyala lobusela, efunyanwa yinkundla yengingqi yamatyala yaseMonti ngoMvulo kule veki. Ngo2017 kwafakwa kwiakhawunti yakhe imali elishumi elinesine lezigidi (R14m) ngempazamo endaweni yeR1, 400 neyinkxasomali yokufunda ifakwa nguNSFAS.

UMani kule R14 million wasebenzisa imali engapha kwe800 000 kwaye eyisebenzisa gwenxa. Izinto ezibalwe yinkundla awazithengayo kukho neengubo zokulala eziyi11, amashiti ayi11, izilamba zokunxiba eziyi24, iibhegi, iinwele, utywala, icuba kwaye le mali ekwayisebenzisa kwiidolophu ezohlukeneyo nto ebonisa ukuba oku ukucwangcisile ngokokutsho kwenkundla. Inkundla ikwathi ebengumfundi olitshantliziyo esikolweni, obeyazi inkqubo yezezimali kwanoNSFAS.

Kwesi sankxwe, kwikhasi lephephandaba I’solezwe lesiXhosa, abanye bathi uMani abamboni enetyala kuba yangena kwiakhawunti yakhe imali, kambe abanye besithi unalo ngewayeyichazile.

Abanye bakhalazela ukubanjwa kukaMani yedwa logama besithi baphi abafaka le mali, abanye bamgxeka ngokudyarhaza izinto ezingenamsebenzi bathi mhlambi ebenokuxoleleka ukuba wayenze into ebhadlileyo ngale mali.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uAnelisa Ngcakani, uthi inkundla ngoMvulo ithe uMani wayesazi ukuba izenzo zakhe azilunganga zokudyarhaza le mali, kwaye wazibandakanya nobuqhetseba. Ingxelo ithi uMani khange avume ukusebenzisana nenkundla ngethuba kuqhuba ityala lakhe uye wakhetha ukuthula, nto leyo yenze inkundla ixhomekeke kubungqina bombuso ukuze afunyanwe enetyala. Inkundla ifumanise ubungqina bombuso bunyanisekile kwaye buthembakele.

UMani uyagwetywa ngoLwesibini umhla wesibhozo kwinyanga ezayo eMonti njengoko efunyenwe enetyala lokuba nobuqhetseba.