INkunzencane inyathela ezinyaweni zeNkunzemdaka!

IMVUMI eselula yeMaskandi, uNkunzencane, ongunyana wegqala leMaskandi, uNkunzemdaka, uchulumancile kukulandela ekhondweni likayise kumculo weMaskandi.

UNkunzencane, 24, ogama linguSilungile Mralatya, ebencokolela I’solezwe lesiXhosa ngokungena kwakhe emculweni emva kokubukela kutata wakhe.

Icwecwe likaNkunzencane esele lidlala kwizikhululo zikanomathotholo ezifana noMhlobo Wenene FM ne-trufm liphume ngo2017.

Eli cwecwe lineengoma ezithandwayo nezidumileyo ezifana nePalamende, eMampondweni kwakunye nethi Uyayizwa ingoma , nayenze noNkunzemdaka.

“Kumnandi ukubangunyana weqhawe, unyana wegqala lomculo. Ndifunde lukhulu kuye, undifundise ukuhlonipha abantu kananjalo nokufikeleleka.

Ngoku ndigcine umqela wakhe,” kutsho uNkunzencane.

Le nzalelwane yaseNkantolo, eMbizana, ithi igama likaNkunzencane iliphiwe ngabazali.

UNkunzencane ukhule umculo iyinto yakokwabo. Utata wakhe, uNkunzemdaka, ebehlala ezilolonga phambi kwakhe.

Uthi noxa efunde lukhulu kuyise kodwa uyawuthanda umculo kaMfiliseni Magubane.

Uthi uqeqeshwe nguNkunzemdaka ngokwasemculweni ukususela ngo2012, ze wakhupha icwecwe lokuqala ngo2017.

Kweli cwecwe usebenze noPhillip Mxhawuli, Skhumba Zondi kwakunye noKhehla Nkosi ukubalula nje abambalwa.

UMxhawuli usebenze noNkunzemdaka into ekwiminyaka engama20.

UNkunzencane uthembise I’solezwe ngecwecwe lesibini kungekudala.

Eli tyendyana ngumntwana wesihlanu kubantwana abathandathu bakaNkunzemdaka.

Iphupha likaNkunzencane kukukhenketha amazwe aphesheya esazisa ngomculo wakhe.

Ubambe ngazo zozibini kubaseki beminyhadala acule kuyo ingakumbi uMasipala waseMbizana.

simphiwe.freddie@inl.co.za