Inkuthazo nempiliso kwicwecwe likaNosiviwe!

Imvumi uNosiviwe Bottoman Mabona

GCOBANI, We Bow, I Need You, Uyafumaneka – zonke ziingoma eziqulethwe licwecwe likaNosiviwe Bottoman-Mabona.

Kule veki, oonondaba bamaphephandaba nonomathotholo, baye bahlanganisana eMiriam Makeba ECAVC nalapho bebesabele kwisimemo sokuza kunik’ indlebe kweli cwecwe likaNosiviwe.

Icwecwe eli liveliswe yindumasi kumculo wegospile uNqubeko Mbatha.

UNosiviwe, ekunye negqiza lakhe besebenza nalo kweli cwecwe, basirhabulise kwezo ngoma zilishumi zendumiso, ukunqula nokuhambisa ivangeli.

Ephendula kwizincomo zokuba nomculo nezwi elihamba lodwa, uNosiviwe uvumile ukuba bebanawo umdla wokulinganisa abanye naye akhe acule kwiingoma ezaziwayo eziseculweni elifana nelo laseWesile.

“Ngamanye amaxesha nam bendikhe ndicinge ngokwenza kumaculo aziwayo, kodwa bekuye kufike ingoma eyodwa ihamba nesingqi xa ndizihlelele ndizenzela imisebenzi yekhaya,” uyabalisa.

Ebuzwa nangokusebenzisana noNqubeko Mbatha, umncome wamtyibela ngelithi, “ Nangona wayesoyika nje kuqala ngenxa yezinga akulo uMbatha kodwa wafika engumntu onobubele nolula ukusebenza naye.”

Ngo-2014, uNosiviwe ukhe wakhupha icwecwe lakhe lokuqala elibizwa ‘Kuyenzeka’

Kwiingoma zakhe, uNosiviwe ubalisa ngendlela yakhe yobuKristu – yiyo loo nto kwezo ngoma sisiva ukunqula, inkuthazo nempiliso.

Icwecwe kulindeleke lifumaneke kungekudala.