Inkwenkwana eneminyaka eli15 igwetywe iminyaka engama43 entolongweni yinkundla yenqila yakwaNongoma emva kokufunyanwa inetyala lokubulala inqununu yesikolo, ukuba umpu, ukuba nompu neembumbulu ezingekho semthethweni, nokuphanga ngendlela emanyumnyezi. Isigwebo sawiswa ngomhla wama21 kweyeNkanga 2024.
Isithethi samapolisa uColonel Robert Netshiunda uthi ngoMgqibelo umhla we22 kuTshazimpuzi ka2023, le nkwenkwana yaphanga yabulala uAlpheus Mphumuzeni Ntuli owayeneminyaka engama61 ubudala ngelo xesha.
“UNtuli owayeyinqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iBhekintinta kwaNongoma wachazwa njengolahlekileyo ngaloo mini. Ngethuba amapolisa ebesiya kwisikhululo samapolisa besuka eBhanganoma apho ebehlala khona uNtuli, abone isithuthi sakhe sihamba kwindlela uMkhuze.
“Bathe xa besondela, umrhanelwa wabalekisa isithuthi wemka kodwa kamva wasishiya isithuthi wabaleka ngeenyawo. Emva kwethutyana umzimba kaNtuli wafunyanwa ulahlwe kufutshane nomlambo phantsi kwebhulorho kwindawo yaseOdwaleni. Umzimba wakhe ufunyenwe unamanxeba avulekileyo entloko namanxeba emzimbeni wonke,” utshilo uNetshiunda.
Amapolisa akhangele umrhanelwa kwindawo ahlala kuyo kwaSnqandi eToyisa nalapho afunyenwe enompu kunye neembumbulu awayezibe kutatomkhulu wakhe.
Le nkwenkwana yabanjwa yaze yavela izihlandlo eziliqela enkundleni phambi kokuba iwavume onke amatyala, nto leyo eyakhokelela kwisigwebo sayo.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika