USiyabonga Mnisi oneminyaka emihlanu waseDiepkloof, eSoweto, ebefanele ukuba uyagreda namhlanje, kodwa ubhubhe ngoLwesithathu umhla we20 kweyeNkanga emva kokutya izinto ezimnandi azithenge kwivenkile yommi wangaphandle.
USiyabonga ebefanele ukugreda njengokuba ephumelela uGrade R kwisikolo samabanga aphantsi iDumezweni, kwaye ngokweengxelo, ebeyijonge ngamehlo abomvu le mini – ngelishwa, endaweni yokubhiyoza, usapho lwakhe luzilela ukubhubha kwakhe.
Iingxelo zithi abanye abafundi abathathu besi sikolo balaliswe esibhedlele. ISebe lezeMfundo kwiphondo laseGauteng lingqinile ukuba intwazana eyenza uGrade R, enye intwazana ekuGrade 1 kunye nenkwenkwana eyenza uGrade 4 ngabafundi abasesibhedlele.
Ethetha noonondaba ngoLwesine, utata kaSiyabonga, uSamuel Mnisi, udize ukuba unyana wakhe ngoMvulo wamthumelela umyalezo emxelela ukuba eze kumsitho wakhe wokugreda ngoLwesihlanu (namhlanje).
“Ngoku yonke into imkile, bendithenge yonke into, ndilungiselele yonke into, ndabhatala yonke into. Ngoku andazi ukuba mandiye phi okanye ndenze ntoni,” utshilo uMnisi.
Iingxelo zithi, aba bafundi bahlala kwiyadi enye kwaye bebedlala kunye ngethuba bebonakalisa iimpawu zokugabha kunye nokurhuda emva kokutya ezi zinto zimnandi bazithenge esiphaza.
Kuthiwa uSiyabonga nabanye abantwana basiwe kwiziko lonyango lasekuhlaleni. USiyabonga wabhengezwa njengoswelekile, ngelixa abanye batshintshelwa kwelinye iziko lonyango ukuze bafumane unyango olongezelelweyo.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo eGauteng, uMatome Chiloane udlulise amazwi ovelwano.
“Sidlulisa uvelwano olunzulu kusapho lomfundi obhubhileyo, sikwanqwenelela abafundi abalaliswe esibhedlele ukuba balulame ngokukhawuleza,” utshilo uChiloane.
ISebe likwaqinisekisile ukuba lithumele iqela lalo le’Education Support Team ukuba libonelele ngeenkonzo zololuleko lomphefumlo, ukuqinisekisa ukuba abafundi nabasebenzi (ootitshala) bafumana inkxaso abayidingayo ngeli xesha linzima.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo