Inkwenkwana ifumene ipilisi kwiibhiskithi ezithenge esiphaza saseMfuleni

Ipilisi efunyenwe kwibhiskithi ethengwe yinkwenkwana. Umfanekiso: Uthunyelwe

Inkwenkwana eneminyaka elishumi elinesibini ubudala isiwe kuvavanyo lwezempilo emva kokutya iibhiskithi zejinja ezithengwe kwivenkile eluhlobo lwesiphaza eMfuleni, eKapa, ekutyholwa ukuba zinepilisi ekrokrisayo efunyenwe kwenye yeebhiskithi.

Njengesilumkiso kubantwana abathenga kwiziphaza, uyise ugqibe kwelokuba athethe phandle ngesi sehlo.

Lo tata, nongavumanga ukuchazwa ngegama esoyika izoyikiso, uthi unyana wakhe uthenge ipakethi yeebhiskithi zejinja eGabrielle Cash Store eBosasa, eMfuleni, ngeCawe.

Ngethuba esitya, wafumana ibhiskithi enepilisi emfusa namhlophe, ebhalwe ‘30 L 30’.

“Wasibonisa le bhiskithi kwaye zikhona ezinye iibhiskithi wayezityile kule pakethi kodwa akazange angcamle kwanto ingaqhelekanga,” utshilo lo tata.

“Sayijonga yonke ipakethi saya nasevenkileni namapolisa. Kwakhangelwa kwezinye iipakethi, kodwa kubonakala ngathi yayiyeyonyana wam kuphela eyayinepilisi.

“Eyona nto yandothusayo kukuba sikhe sive ngeziganeko zokubhubha kwabantwana ngenxa yokuthenga ukutya kwiziphaza kwaye bendisoyika ukuba umntwana wam naye angagula.”

NgoMvulo, uthabathe unyana wakhe wamsa ekliniki ukuze enze uvavanyo. “Andifuni ukuphulukana nonyana wam kwaye ndacinga ukuba kufuneka ndithathe amanyathelo okhuseleko. Ndihlala ndizibuza ngabanye abantwana abanokuthi batye iipilisi bengazi.”

Ngethuba iCape Argus ityelele le venkile ngoMvulo, indoda ebisemva kwekhawuntara ithe ibingekho ngethuba kusenzeka esi sehlo.

“Ndeva ngalonto kwaye zonke iibhiskithi zejinja zalahlwa. Sithenga iibhiskithi kubathengisi (wholesalers) baseMfuleni. Asikayi kubo ukubaxelela ngokwenzekileyo.

“Asithengisi ukutya okuphelelwe lixesha, sijonga ngalo lonke ixesha kwaye silahle izinto ezindala. Sibhalisiwe kwaye sinamaphepha afanelekileyo okuqhuba ishishini,” itshilo le ndoda.

Esi sehlo silandela ukubhaqwa kwendawo eyenza inyama eMfuleni kwiveki ephelileyo ekutyholwa ukuba isebenzisa ukutya kwezinja xa kusenziwa iisoseji zabo.

Ilungu lekomiti kasodolophu weenkonzo zoluntu kunye nezempilo, uPatricia van der Ross, uthe iziphaza akufuneki zibhaliswe.

“Nangona kunjalo, nawuphi na umntu osebenza ngokutya kufuneka abe nesatifikethi esisemthethweni seCertificate of Acceptability.

“Abasebenzi bempilo yokusingqongileyo kumasipala waseKapa bagcina iirekhodi zawo onke amashishini kwiindawo zabo, ukuze zifakwe kuluhlu lwabo lokuhlolwa.

“Abasebenzi bempilo yokusingqongileyo bagunyaziswe ukuba bandwendwele iindawo zoshishino ubuncinane kabini ngonyaka, kodwa ukuba iingxaki zichongiwe okanye zifunyenwe izikhalazo ngoko uhlolo oluthe kratya lwenziwa de ingxaki isonjululwe.

“Ngokomthetho, onke amashishini, kubandakanywa iivenkile zeziphaza, abotshelelwa nguMthetho wezeMpilo kunye neMimiselo yoKutya, kunye noMthetho woShishino (wokuthengisa ukutya okuphekiweyo), inkqubo yocando, imigaqo yokwakha, uMthetho woKhuseleko loMlilo kunye noMthetho woLawulo lweCuba.”

UVan der Ross uthe ngokolwazi olukhoyo ngoku kumasipala, kukho iindawo ezingama2924 zohlobo lwesiphaza ezibandakanya iziphaza, iivenkile ezisendlini kunye neevenkile zohlobo lwetuck shop kuqoqosho olungekho sikweni.

“Amalungu oluntu anenkxalabo okanye izikhalazo malunga namashishini ayabongozwa ukuba aqhagamshelane neofisi yempilo yokusingqongileyo yasekuhlaleni ukuze bafumane uncedo, bangakwenza oku ngokundwendwela ikliniki yabo yasekuhlaleni okanye batsalele iziko leTechnical Operations ku0860 103 089.”

Esi sehlo senzeke nanjengoko uMongameli uCyril Ramaphosa ebhengeze uhlolo kwiivenkile ezithengisa ukutya okuzakuqalwa ngeGauteng naKwaZulu-Natal.

Oku kusemva kokuba kubhubhe abantwana abaliqela emva kokutya ukutya okunosuleleko kula maphondo.

Eli bali liqale lavela kwiCape Argus.