Amapolisa akuCentane avule ityala lokubulala ngokungena njongo emva kokuba umntwana oyinkwenkwe oneshumi elinesibini ubudala, egilwe yibhasi wabhubha ngoko nangoko. Oku kwenzeke emva kwemini ngoLwesithathu kwilali yaseNgquqe kuCentane.
UAthini Qondani (12) ebewela indlela yomhlaba ngethuba egilwa yibhasi.
Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, uthi unobangela wengozi awukaziwa usaphandwa ngamapolisa.
UManatha, ubongoza abazali ekubeni babakhaphe abantwana xa bewela indlela besiya esikolweni ukunqanda iziganeko ezilolu hlobo.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!