Inkwenkwe emhlophe efuna ukoluka ngenkani

CINGA ngenkwenkwe emhlophe efuna ukoluka kodwa ingavunyelwa ngenxa yohlanga lwayo. Nantso ke ngoku iphuma izithuba ifuna ukuziba.

Oku kuqulathwe kwincwadi kaSiphokazi Mpofu ethi Zajik’izinto ephehlelelwe eMdantsane Indoor Sports Centre ngoMgqibelo.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uMpofu uthe: “Incwadi eyinoveli uZajik’ izinto ibhalwe yagqitywa ngowama2016 yaza yathunyelwa eKapa kwaCentre for the Book ukuba ihlelwe kuluhlu lweencwadi elicela isibonelelo sokwenzelwa incwadi. Kulapho iye yamkeleka yaza yapapashwa khona.”

“Ibali eli lingamahla ndenyuka kaJacob Emms noLisakhanya Mnwana emveni kokuba bengavunyelwanga ngooyise ukuba boluke kunye,” utshilo uMpofu.

Abebezimase ukuphehlelelwa kwencwadi kaSiphokazi Mpofu eMdantsane UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMpofu uthi kweli bali kukho ukungquzulana nokunyevulelana okungubangelwa ngumsinandozele wombangazwe wamandulo.

“Kwakhona sifumana ukuqwalasela izigaba ngezigaba xa inkwenkwe isiya ethontweni ingakumbi xa ingavunyelwanga ukuba yoluke. Sifumana izigaba ngezigaba ezikhokelela ukuba ooyise bala makhwenkwe bajike kwizigqibo zabo zangaphambili.

“Njengethandazwe ndibone kulungile ukuveza iimvakalelo zam elubala ngobume belizwe lethu kwesi isizukulwana ngethemba lokukhulula amaqhina axake isizwe. Ndikwajonge ukuthunuka nokuvuselela izazela zowethu ngemiba edl’ umzi,” kutsho uMpofu.

UMpofu uthi isizukulwana ngasinye sinoxanduva lokusombulula amaqhina ezinto ezichaphazela intlalo yoluntu ingakumbi xa imeko isiya iba maxongo.

Omnye wabaphengululi bale ncwadi, uSinekhaya Mjana owenza uGrade 12 eMzomhle eMdantsane, uthe: “Kule ncwadi sibone amatiletile wamakhwenkwe amabini (emhlophe nemnyama). Abazali zange bafune nokuyiva. Kodwa zange batyhafe kuba lo umhlophe waziba. Yena lo umnyama woluka engazibanga.”

Ethetha malunga nomsitho wokuphehlelela ngokusesikweni le ncwadi eMdantsane, uMpofu uthe: “Ndibamba ngazo zozibini kubo bonke abantu abalenze layimpumelelo usuku lokuvezwa esidlangalaleni kwenoveli uZajik’ izinto.”

“Izithethi zitsho kwavokotheka zisehla amahlongwane inoveli zihlalutya, zityebisela banzi uluntu ngokuqulethwe yinoveli. Zitsho phandle ukuba umbhali akabhentsisanga buze besizwe, zikwabulela intlonipho nesimbo sombhali. Ziyibeke yacaca into yokuba le yincwadi yokuqala ekumila kunje.

“Incwadi iyafumaneka kumbhali inombolo ngu 081 010 6665. Iinkcukacha ezithe vetshe zivela rhoqo kwikhasi likaFacebook uZajik Izinto SA nakudonga lombhali uSiphokazi Mpofu. Ngeempelaveki iza kube ithengiswa ngakwaFood Lovers eVincent eMonti,” kutsho uMpofu.

Uthi eli lilinge lakhe lokuqala kwiminyaka emininzi engumbhali osakhasayo. “Ndibulela kuwo wonke umntu owenze layimpumelelo eli linge ingakumbi uEcpacc (Eastern Cape Provincial Arts and Culture Council) noCentre for the Book nosapho lwakwaMpofu ngokubanzi.”