Inkwenkwe enomthawuzo!

Ndikhunjuzwa yile nkwenkwe yam xa ibindicela imali yokuthenga imithawuzo, ukuba kanene thina asizange siyinxibe simakhwenkwe.

Yayingabikho kwimpahla esiyithengelwayo, singazi kwanokuba yinto ekhoyo leyo. Impahla sasiyithengelwa kanye ngonyaka, xa kusondela iKilisimesi; ibe yibhulukhwe okanye isikhinda nehempe okanye isikipa.

Izihlangu zona yayiba zezesikolo, ngoku ke sele siyintanga enxiba izihlangu esikolweni, kuba kwazona ezo zazingekho.

Eyomthawuzo ke sasingayazi kwaukuyazi, wawusiva ngokubetha komoya ukuba ibhulukhwe ikrazukile!

Neentombi zethu ke zazikwanjalo, umntu eba neyesikolo kuphela nekwakufuneka ikhululwe kwakufikwa ekhaya ukuze igcinakale njengoko ingeyonto ifane ithengwe.

Iintombi ezinoomama abakwaziyo ukuthunga zazithungelwa amalaphu, kuthungwa ngesandla. Ndizithengele ngokwam ke mna umthawuzo, ngokuse ndiye eKapa.

Ngenxa yokukhula ngolo hlobo ke andikawuhoyi nangoku umthawuzo, nalo ndinawo andiwazi nokuba ngowowuphi na unyaka. Endithe ndanawo ndiwunxiba uphel’ ukwazi!

Uhlangulwe kolo sizi yinkosikazi, ndibone seyisithi “bamba tata nantsi emitsha, noko iziintloni le yilahle.” Ndimbone ukuba ngungqadambekweni ke, kuba sukube isanxibeka naleyo athi mayilahlwe iziintloni.

Ndiyamkele ke leyo mitsha ndingatshongo nokuba enkosi. Le nkwenkwe yam ke ithe isakucela imali yemithawuzo ndayinika amaR50.00. Isuke yema yandijonga, iyiphethe ngesandla loo mali, ibonakalisa ukungoneliseki. Ndibuze ukuba iyaphuma na kuleyo mali; yathi ayiphumi.

Ndongeze amanye amaR50.00 ndibukruquka. Yayithatha yahamba, kodwa ndiyibona ukuba ayikoneli qha sele indonqena kuba ibona ukuba ndikruqukile.

Ndive ngonina ukuba iphinde yayocela enye imali kuye, isithi leyo ndiyinike yona ayonelanga.

“Yho! Kanti mingaphi na le mithawuzo ifuna imali engako?” Ndibuze ndimangele. “Iqala kwiR150.00 tata,” watsho unina.

Andiphindanga ndithethe limbi, ndizixelela nje ukuba kungase kube kanti ayithengwanga leyo mithawuzo, andisaphindi ndisondele kwakuleyo nto ke ngoku.

Ukuxabisa olo hlobo kwemithawuzo ndizive ndisithi kwakulunge eliya lethu ixesha, naye ke umfana lo unose angawunxibi.

Ukakade ke uninzi lwethu thina phaya kuJusefu sihleli singekabi nayo unangoku.

Ndisaphangela eKapa umzala wam wanditsalela umnxeba ecela ukuba ndimaxulele kweyam, esithi ucelwe ukuba akhaphe abantwana besikolo nootishala kukhenketho kwaye ibaliwe le mithawuzo kwiinto ekuthiwe baziphathe.

Wathi mandiyisongele ephepheni ndinikele iiteksi, ukubuya kwakhe kukhenketho uza kuyinyusa okanye ayigcine ndiyifumane xa ndehlile.

Ndathi kungcono ndimthumelele imali azithengele eyakhe. Wathi akanolunga ukuya kuzenza iintloni kubantwana abathengiselayo, mandiyithenge mna ndiyithumele, ukuba ithe yaba mikhulo woyibopha nangegqesha.

Kaloku thina ibisenza iintloni sesinayo, siyihlamba ngobusuku ingabonwa ngabantu. Umthawuzo besiwuthatha ngokuba ububuze bomniniwo, ungenokonekwa esidlangalaleni ke.

Mna ndisawoneka emfihlekweni unangoku, hayi le ufika itherhe phandle, neyabafazi na kakade! Unyana woba kukhona alungisayo ukungawunxibi mthawuzo, wenza into eyenziwa ngabantu akhulela kubo.

Kazi yinto yokufundwa na kanene le ndibalisa yona? Kuba ke zininzi izinto oye ubone ukuba zazingekho mgceni nangani zazisenziwa nje ngabantu bakudala.

Le genge siyizalayo ayiyingeni into yokunganxibi mthawuzo. Naleya ifunda ekhaya inkwenkwe ingumzukulwana ibisandula kundifuna leyo mithawuzo.

Ithengwa nguninakhulu lo ke, mna andinothengela makhwenkwe mthawuzo endingazange ndiwunxibe ndiyinkwenkwe, endingekaboni nto igwenxa ekungawunxibini.

Mhlawumbi kubo unento yawo, kuba ndike ndibone abanye betebhisile, ungaphandle wonke lowo mthawuzo, ndiqonde ke ukuba inokuba isexesheni naleyo.