Inkwenkwe

idlwengulwe yadenga

Ilele ngandletyana-nye idyongwana eneshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala kwisibhedlele saseGlen Grey eLady Frere ngakuKomani emveni kokuphindwa phindwa idlwengulwa ubusuku bonke ngusisi onamashumi amathathu eminyaka ubudala kwilali yabo eTshembeyi kwindawo yaseRhanqu eLady Frere.

Umama wexhoba nesingazokumbiza ngagama ngelokukhusela ixhoba eli, ethetha nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa, uvakalise ukudandatheka esithi imhluphile into yokudlwengulwa konyana wakhe.

“Eyonanto indenza ubuhlungu kukuba unyana wam sukela oko ethe wadlwengulwa akakabuyeli ezingqondweni uvele wamnkelwa ziingqondo abe engazange wagula ngangqondo umntwana wam uphaku-phaku uphelelwa nangamandla ndisafuna ukwazi ukuba ngobabusuku yintoni le ingaka wayenziwayo yile ntombi,” udize loo ntlungu umama wexhoba.

Watsho ebalisa ngendlela abathe bamqaphela ngayo umntwana wakhe ukuba ayisenguye. Uthi bamqaphele emveni kweentsuku ezimbalwa kwenzekile oku qha kuba bemazi ukuba ungumntwana onjani bamncwina.

“Ebengafuni kuchaza de sabe simgrogrisa ngamapolisa. Usichazile ke esisihelegu wabe esithi uthe lo sisi walapha elalini angachazwa kuba uzakumbulala. Eyona nto indixhalabisayo kukuba lentombazana inesigulo enaso esingaziwayo najengoko ihlala iqhusheke ilweyile ngaphantsi.

Uloyiko lwam andimazi uzokosuleleka kwisifo esiyintoni esinyangeka njani nangantoni,” weleke ngelo umama wexhoba.

UNamhla Mdleleni othethela amapolisa alammandla uthembise ngokuphendula namhlanje kuba esithi ebengekadibani nazo ezindaba, kuba engekho iintsuku kwaye uzakulenza uphando abuyele kwiphepha-ndaba eli.