Inkwenkwe igwetyelwe ukudlwengula usana

Inkwenkwe eneshumi elinesibhozo (18) ubudala yaseNgqamakhwe, igwetywe iminyaka elishumi ingaphakathi entolongweni emva kokuba ifunyaniswe inetyala lokudlwengula usana oluneminyaka emithathu luzelwe.

 

Lo uvalelweyo, ugwetywe yinkundla yengingqi yamatyala aseTsomo ngoLwesithathu (izolo).

 

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha, uthi olu sana ladlwengulwa ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2015 ngethuba umrhanelwa eseneminyaka elishumi elinesithandathu (16) ngeminyaka.

Oku kwenzeka kwilali yaseSiqithini eXilinxa eNgqamakhwe.


 

Kusenjalo, amapolisa aseDutywa abambe indoda enamashumi amathathu anesibini ubudala (32), emva kokuba irhaneleke ngokubulala indoda enamashumi amabini anesithoba (29).

Kuvakala ukuba umrhanelwa uhlabe kanobom wabulala le ndoda ngosuku lwezithandani ngoLwesibini.

 Oku kwenzeke ezinzulwini zobusuku kwilali yaseNgxakaxha eDutywa. Unobangela wokuhlatywa kubulawe ixhoba awukaziwa, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha. Ixhoba lihlatywe kumzimba wangasentla. Kuvakala ukuba liye labhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

 Igama lexhoba alikachazwa de izihlobo kwakunye nezalamane zalo zaziswe zonke. Umrhanelwa obekwa izityholo zokubulala uzakuvela kwinkundla zamatyala eDutywa kungekudala.