Baxhalabile abantu abadala beMpuma Koloni abaphila ngezibonelelo zikarhulumente ngenxa yamarhe okuba bangahle bangazifumani izibonelelo zabo kwi-arhente ehambisa izibonelelo zoluntu, uSASSA.
Oku kusemva kokuba inkampani ebisenza umsebenzi wokugqithisa ezi zibonelelo eyiCash Paymaster Services (CPS) ithe yaphelelwa lixesha.
Akukho nkampani intsha ithe yaqeshwa ukuba yenze lo msebenzi, logama isivumelwano esitsha sabakwa CPS sibonwa njengesingekho mthethweni. Kukho amarhe okuba ngenxa yoku ezi zibonelelo zingahle zingafumaneki ngomhla wokuqala wenyanga ezayo, uluntu lona luxhalabile.
Ugqatswa ngemibuzo ngamajelo eendaba umphathiswa wesebe lentlalontle uBathabile Dlamini ngenxa yale ngxaki yezi zibonelelo. Kukwakho nabo bathi makashiye esikhundleni sakhe ngenxa yale mpazamo.
Thozama Vellem
Ndinexhala yile nto yokuba ingathi singangamkeli, ingase bazame ukuba noko sifumane imali, singayintoni ngaphandle kwemali yenkam-nkam siphila ngayo le mali asinalo elinye ithemba. Noko ke likhona ithemba lokuba kwezi ngxoxo baziphetheyo baza kude bafikelele kwisivumelwano esihle noko.
Zolile Tshali
Olu hlobo kwenzeka ngalo sizakuncama sicinge emva kurhulumente wobandlululo, siyeva ukuba kuthwa siza kwamkela kodwa kukho le ngxoxo inganiki themba.
USASSA unempazamo azenzileyo, kutheni le nto bangabuyeli kula nkqubo yokuba samkele ngebhanki zethu ngaphandle kokuba kubekho inkampani ephakathi. Ngoku sihleli sinexhala le nto esingayazi nokuba izakuhamba njani.
Naniswa Bengwa
Eyona nto asiyazi le nto siva nje ngamajelo eendaba ukuba kukho into enje ezayo, akukho lunxibelelwano nathi. Lo nto yenza ukuba sihlale exhaleni le nto esingayaziyo ukuba iza kuhamba njani, singathini ukuphoxwa ngurhulumente wethu simthembile. Siyacela ilungiswe le nto sifumane inkam-nkam yethu ukuphela kwenyanga ngaphandle kwengxaki.
Nomfuneko Salaze
Kusile Women Empowerment eCumakala
Ingaba lusizi kuba kaloku imizi emininzi ingakumbi apha ezilalini iphila ngezi zibonelelo, imbiza ayina kuqhuma eziko xa ingekho le mali. Asingekhe sikwazi ukwenza nto ingako thina, abantu bangeza kugcwalisa apha kuthi beze kucela uncedo.
Yonke le nto ifuna ukuba simanyane sisisizwe sikhangele isisombululo kule ngxaki kuxoxwa ngayo koonomathotholo yokuba ezi zibonelelo zingahle zingafumaneki. Lona ixhala likhona kuba asiyazi into ezakwenzeka ngalo mhla wokuqala kwinyaga ezayo.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi