Inkxalabo ngezinga lokubulawa kwabantu

Idolophu yaseMthatha ime kwisithoba kwilizwe loMzantsi Afrika nanjengoko iyeyona inezinga eliphambili kwiziganeko zokubulawa kwabantu, ngokweenkcukacha zolwaphulomthetho zakutshanje.

Iidolophana ezikufuphi naseMthatha ezifana neLibode, Ngqeleni kwakunye neNgcobo, nazo ziphala phambili kwiziganeko zokubulawa kwabantu.

Oku kudizwe kule veki kundlunkulu wamapolisa eZwelitsha ngethuba iNkonzo yesiPolisa kwaneSebe lezoKhuseleko ePhondweni bekhupha ngokusesikweni iinkcukachamanani zolwaphulomthetho ephondweni, kulandela ezo bezenziwe nguMphathiswa wamaPolisa kuZwelonke uBheki Cele kwiveki ephelileyo. UMphathiswa wezoKhuseleko ePhondweni, uWeziwe Tikana, uthi izinga lokubulawa kwabantu liyabaxhalabisa bengamapolisa.

“Oku kuyasixhalabisa, ngoku kufanele ukuba siqinise kwaye senze ngako konke ukuzama ukulwa ukubulawa kwabantu kula ngingqi kuba kungathi kubalekise nabatyalizimali kweli phondo ingakumbi kummandla waseMthatha.

“Kodwa ndingatsho ndithi okona kuthe kwanegalelo lokonyuka kwezinga lokubulawa kwabantu eMthatha ngumbhodamo ubusenzeka wemibutho yoonoteksi kule dolophu. Kwaye iyimeko enzima nokuba singayilwa ngenxa yomlo oqhubekayo,” utshilo uTikana.

UTikana ukwadiza ukuba enye yezinto enokuthi ilwisane noku kukusebenzisana neenkosi kwakunye nenkokheli zasekuhlaleni, kwaye kubanjwe neembizo kwakunye noluntu.

UTikana uthi izikhululo zethutyana [mobile stations] zibe nalo igalelo kakhulu ekulweni ulwaphulomthetho kwezinye iindawo ezisemaphandleni kweli phondo leMpuma Koloni. Uthi ukulwa ulwaphulomthetho kwiindawo zokuhlala luxanduva lomntu wonke, hayi amapolisa.

Uthi iQonga lamaPolisa asekuHlaleni, iCPF, libalulekile napha ezilalini libe khona. Ukwabongoze izikhululo ezithe zafumana iimoto ezintsha ekubeni zisetyenziswe ngobunono kwaye zisetyenziselwe umsebenzi wazo kuphela. UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni, uLieutenant Colonel uLiziwe Ntshinga, uthi kwiimoto ezingamashumi amathathu anesithandathu ezinikezwe kwizikhululo ezahlukeneyo zamapolisa kule veki, zezinye zezicwangciso zokulwa ulwaphulomthetho. Kukwanikezelwe nangezithuthuthu ezilishumi, apho uMkomishinala adize ukuba zonke ziza kusetyenziswa ngamapolisakazi kuphela.

La mapolisakazi aza kuthi aye kuqeqesho ekuqaleni konyaka lokwazi ukuzisebenzisa. Uqhwabele izandla namapolisa angooConstable, esithi ngawona asezantsi, asemngciphekweni kwaye asabela kuqala kwizehlo neziganeko.

Ezilandelayo ezinye eziphala phambili kulwaphulomthetho:

Ukuxhuma kwezinga lokuxhonyiswa kweemoto ezithutha imali ingakumbi KwaZakhele, Mthatha kwakunye neDutywa, oku konyuke ngamatyala alishumi elinesihlanu avuliweyo. Ukonyuka kokubiwa kwemfuyo ingakumbi eMthatha, Maluti, Qumbu kwakunye neCumakala. Iziganeko zokutshisa zehlile kwiphondo lonke nangona zonyukile eMthatha, Tsolo kwakunye naseGelvandale.