Inkxalabo ngokubhubha kwabakhwetha

Umbutho iANC kwipalamente yephondo leMpuma Koloni uthi uxhalabile ziziganeko zokubhubha nokuxhatshazwa kwabakhwethwa kweli phondo. Oku kusemva kokuba kubhubhe abakhwetha abathandathu lo gama abangaphezu kwekhulu bethe bahlangulwa bethunyelwa kwiindawo ezikhuselekileyo.

Umbhexeshi weANC kwipalamente yephondo uMzoleli Mrara umemelela uluntu ukuba lithathele kulo isiko lokwaluka ukuze kuphele ezi ngxaki. “Abazali, abahlali, iiNkosi noluntu ngokubanzi mabadlale indima ukuqinsekisa ukuba bayakhuselwa abantwana kwiingxaki zaseSuthwini esele zibangele ukubhubha kwabantwana abaninzi,” ucacise watsho uMrara.

Uhambisa athi, inani labantwana ababhubhe kunyaka ophelileyo ngenxa yeli siko sele bebaninzi kakade ngoko akukho mfuneko yokuba kubhubhe abanye. “Asikho isizathu sokuba kubhubhe abantwana kweli nqanaba libaluleke kangaka lokuba besuka ebuntwaneni besiya ebudodeni, masibambisane ngale ngxaki,” utshilo uMrara.

La ofisi ithi makuthotyelwe imithetho, imimiselo nemiqathango ebekwa ngurhulumente malunga nendlela emakuqhutywe ngalo eli siko. “Umthetho uthi akukho mntwana kumele ukuba aluke engenayo iminyaka elishumi elinesibhozo, akukho ngcibi engekho mthethweni ekumele ukuba yaluse abantwana,” utsho uMrara.

Othethe egameni lesebe lentsenziswano norhulumente nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam uthi ziyakhula iingxaki kwiindawo ezinabantwana abalukileyo. “Abantwana abafunyenwe ukuba boluswe ngokungekho mthethweni kwiindawo ezahlukileyo zephondo sibathathile sabathumela ezibhedlele nakumaziko ajongene nezi ngxaki zokwaluka,” uthethe watsho uNgam. Ukuqala kweli xesha lokwaluka lasebusika lalo nyoka urhulumente wephondo ugalele iinqwelo mafutha ezingamashumi amane anesibini ngemali ekumashumi amabini ananye ezigidi zeerandi.

Kunyaka ophelileyo iMpuma Koloni ihambe phambili ngamanani abakhwetha abathe babhubha eSuthwini xa ithelekiswa namanye amaphondo. Ingxelo ithi ngamashumi amane anesithandathu abakhwetha abathe babhubha kuDisemba wonyaka ophelileyo.

“Njengakuqala simemelela abazali babantwana noluntu ngokubanzi ukuba lungenelele ukuqinisekisa ukuba ikhuselekile indlela abaluka ngayo abantwana babo nakwiindawo abahlala kuzo abazali mabadlale indima ephambili,” umemelele watsho uNgam. Inye kuphela iveki liqalile ixesha lokwaluka lasebusika kuzwelonke.

Kulindeleke ukuba linyuke inani labantwana abathe babhubha eSuthwini nanjengoko iingxaki zifane nezo zeminyaka egqithileyo. Ngabakhwetha abathandathu asele bebhubhile ukusukela oko kuqale eli xesha lokwaluka kulo nyaka lo gama abanye bethunyelwe kwizibhedlele eziquka iSt Barnabas nesibhedlele saseMthatha.